UMbekezeli Mbokazi, odlalela i'Orlando Pirates, ufunwa liqela lebhola ekhatywayo laseMelika.
Image: Itumeleng English Independent Media
Iindaba ezivakalayo zithi uMbekezeli Mbokazi angathathwa liqela lebhola ekhatywayo elidlala kwiMajor League Soccer. Kuthiwa iChicago Fire izimisele ukubhatala imali eqikelelwa kwi$3-million eqabele kwizigidi ezingaphezulu kwamashumi amahlani eerandi (R50-million).
UMbokazi ngumdlali wasemva kwi'Orlando Pirates nakwiqela lesizwe lebhola ekhatywayo. Ukufunwa kwakhe akothusi ngoba wadlala kakuhle ukusukela kwa ngomhla wokuqala awanikwa ngawo ithuba nguJose Riveiro owayengumqeqeshi ngoko.
UMark Gleeson uthi uBasia Michaels, ongumanejala kaMbokazi, ugaleleke eMelika izolo kwaye kucingeleka ukuba iingxoxo zingasongwa kungekudala. UMbokazi, 20, angahamba ekuqaleni konyaka ozayo ukuba ukhululwe yiPirates.
Kungenzeka ukuba uMbokazi ayokudlala kwiMajor League Soccer ekukho abadlali baseMzantsi Afrika abaquka uBongokuhle Hlongwane, Olwethu Makhanya noBradley Carnel ongumqeqeshi ozenzele igama elihle eMelika. Kungenzeka iPirates imkhulule emva kweAFCON ukuba ivumile athengwe.