iMamelodi Sundowns ingombe iSt Eloi Lupopo emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe ePitoli.
Image: MS Media
Ihleli phezulu iMamelodi Sundowns emva kokuphumelela umdlalo obalulekileyo. Oku kwenzeke emva kokuba ibhaxabule iSaint Eloi Lupopo ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni weCAF Champions League namhlanje eLoftus Stadium, ePitoli, namhlanje emalanga.
UMiguel Cardoso ubuyise iziqwayi zakhe zabadlali eziquka uPeter Shalulile, Iqraam Rayners noTasgreeq Matthews. Bekunyanzelekile ukuba iSundowns iphumelele ngoba ingasokoliswa yiLupopo eyenza imikhuba emibi ebangela kubekho imilo emidlalweni.
UDieumerci Mukoko, owayenguqhwayimpi othile iLupopo idlala nePirates, ebengekho namhlanje - kodwa baphinde benza abadume ngazo oogxa bakhe. UNuno Santos uyibeke endaweni entle iSundowns emva kokufaka igowuli kwangoko kwisigaba sokuqala.
Amasandawana azamile ukufumana igowuli lesibini lesiqinisekiso - kodwa uMatthews akakwazanga ukugqibezela. Kanti phambi kokukhala kwempempe, uRamos Wanet ubhakuzelise umnatha eshiya uRonwen Williams engakwazi ukwenza nto.
Kuye kwakhula uxinizelelo kwiSundowns emva kokuba kufakwe igowuli ziindwendwe. Emva kweshumi lemizuzu, uMarcello Allende ubhakuzelise umnatha kwatsho kwehla ixhala kwiSundowns.
Uphindile kwakhona uSantos ngentloko emva kokudlalelwa ibhola entle nguArthur Sales noMatthews. Akukho bungozi obubonakaliswe yiSaint Eloi Lupopo kwisigaba sesibini ngoba bekucacile ukuba ize eMzantsi Afrika ingafuni ukubethwa emdlalweni wanamhlanje. Ngelishwa layo, izinto aziyihambelanga kakuhle.