Ezemidlalo

UMiguel Cardoso ubalula izinto abafuna ukuziphepha kwiSaint Eloi Lupopo

Pedro Mapelo|Published

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uMiguel Cardoso, ethetha neentatheli.

Image: Backpagepix

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uMiguel Cardoso, uthi bakulungele ngokupheleleyo ukuqubisana neqela laseDemocratic Republic of Congo.

Oku ukuthethe phambi komdlalo weCAF Champions oza kube uphakathi weSundowns neSaint Eloi Lupopo ngentsimbi yesithathu emalanga ngomso eLoftus Stadium.

Amasandawana aza kulwela ukuphumelela ekhaya ukuze aphephe imikhwa emibini ethi ijoliswe emaqeleni aseMzantsi Afrika xa endwendwele kwezinye iindawo kwizwekazi le'Afrika.

UCardoso ubalumkisile abadlali bakhe ngokuxhokonxwa ngoba uthi kubalulekile ukuba babeke iingondo zabo emdlalweni. Nangona kunjalo, uthe bawulungele umdlalo wangomso ePitoli.

Abadlali beLupopo bazithembile emva kokukhupha iPirates kwiipenela kwiiveki ezidlulileyo. Ngumdlalo owagqamisa imikhuba eyaqhwaya udushe eyenziwa nguMukoko Amale oye wanqunyanyiswa yiCAF kule veki.

Nokuba kwenzeka ntoni, uCardoso ufuna abadlali bakhe basebenzele ukuphumelela umdlalo ngendlela encumisayo kuphela.

"Ndibaxelele abadlali ngokubaluleka ngokungazihoyi izinto eziza kubaxhokonxa. Into ebalulekileyokuthi kukudlala ibhola ngendlela ecacileyo," utshilo uCardoso ethetha neentatheli izolo.

Kulindeleke ukuba iSundowns isebenzele ukuyiswaza iLupopo ngendlela efanayo neyenze kwiRemo Stars yaseNigeria. "Ndifuna abadlali baziphathe kakuhle emidlalweni.

"Akufuneki zilawulwe zizinto ezenzeka emdlalweni. Njengomntu nam ndiyaphazamiseka kodwa kubalulekile ukuyazi indawo esikuyo ngoku," utshilo uCardoso.