UDieumerci Mukoko Amale unqunyanyisiwe yiCAF ngenxa yokungaziphathi kakuhle emdlalweni weChampions League.
Image: Facebook
Umdlali weSaint Eloi Lupopo, uDieumerci Mukoko Amale, uthiwe nka imidlalo emibini engadlali yiCAF. Oku kwenzeke emva kokuba wabonakala emdlalweni weChampions League ezinyhala kuMasindi Nemtajela oku komntu ofuna ukulwa.
Esi siganeko senzeka emdlalweni owawuphakathi kwe'Orlando Pirates neSaint Eloi Lupopo owawubanjelwe eSoweto. Yaphumelela ngamagowuli amathathu eqandeni iPirates emdlalweni wesibini. Kwaye kwanyanzeleka ukuba kuyiwe kwiipenela ngoba iSaint Eloi Lupopo yaphumelela ngo'3-0 emdlalweni wokuqala eLubumbashi.
UMukoko zange akhutshwe nangona yayinguye owaqhwaya udushe emdlalweni. Endaweni yakhe kwakhutshwa umdlali onguCristopher Sumbu ngempazamo ngusompempe owayematasatasa ngomhla womdlalo.
Abaphathi beLupopo baqinisekisile ukuba uMukoko unqunyanyiswe imidlalo emibini kwaye akazukwazi ukudlala emidlalweni yeCAF Champions League emibini elandelayo.
Iqela laseDemocratic Republic of Congo lilungiselela ukudibana neMamelodi Sundowns emdlalweni ongorhatya eLoftus Stadium ngoLwesihlanu.
Kwelinye icala, izikhalazo zePirates zikhatyiwe yiCAF emva koko yohlwaywa iR430 000 yonke. IPirates yafaka isikhalazo esithi iSaint Eloi Lupopo idlalise uMolia noKashala bengabhaliswanga ngendlela efanelekileyo yiCAF.
Ngaphezulu koko, yakhala nangomqeqeshi onguGuy Bukasa owayengabhaliswanga naye. Ayifumananga nto iPirates kuzo zonke izinto eyakhala ngazo emva kokubethwa kwayo kwiipenela yiLupopo. IPirates iza kuzixolisa ngeCarling Knockout Cup eza kufumana ithuba xa idibana neMarumo Gallants.