Ezemidlalo

UJose Riveiro ubalisa okwenzeka kwiAl Ahly eyamlaxaza isaqala isizini

Pedro Mapelo|Published

UJose Riveiro, olindwendwe leCarling Black Label, ubalisele iintatheli ngokwenzeka ngethuba engumqeqeshi weAl Ahly.

Image: Facebook

Owayengumqeqeshi we'Orlando Pirates, uJose Riveiro, ubalisele iintatheli okwenzekayo ukuze aphulukane nomsebenzi wakhe kwiAl Ahly isizini isaqala. URiveiro ushiye iPirates phambi kokusongwa kwesizini ephelileyo wasukela kwiAl Ahly eyayiza kuya kwiFIFA Club World Cup.

Kodwa noxa wenza lo nto ukuhlala kwakhe eYiphutha kube kufutshane kakhulu. Le ndedeba yaseSpain ilapha eMzantsi Afrika okwethutyana ngoba ibibizwe ngabaququzeleli beCarling Knockout Cup esekumbovu igqityezelwe ePeter Mokaba Stadium kwinyanga ezayo.

URiveiro, 50, uthi wayenalo ithemba leziphumo ezihle emva komdlalo owawuthembisa kwiFIFA Club World Cup. "Asizange sikwazi ukuqala isizini ngendlela esasinqwenela ngayo," utshilo uRiveiro ethetha neentatheli eGoli ekuqaleni kwale veki.

"Ndicinga ukuba kukho abantu abaqaphelayo ukuba sasizama ukuguqula indlela iqela elalidlala ngayo kwithutyana elifutshane sifikile. Saqeqesha iqela iiveki ezimbini kuphela phambi kokuya eMelika. Ngaphezulu koko, kwakukho abadlali abaninzi abatsha," utshilo umqeqeshi.

"Ndandikholwa kodwa yindlela ekwakudlalwa ngayo. Kodwa isizini asiyiqalanga ngendlela esasifuna ngayo. Emva kwemidlalo emine, abanikazi beqela baphelelwa ngumonde," utshilo uRiveiro owahamba eMzantsi Afrika ehlonitshwa kakhulu. Nangona engafunanga ukunaba - kodwa uvumile ukuba akululanga ukusebenza kwiAl Ahly.

"Ziziphumo ezihle kuphela into efunwayo phaya. Sasifuna nathi ukuqhuba kakuhle - kodwa ukuze kwenzeke oko, kudingeka inkxaso esingazange siyifumane," utshilo uRiveiro othe akazisoli ngokuhamba kwiPirates ngoba sisigqibo awayesithathe ingekaveli into yeAl Ahly nangona engazange akuthande ukuhamba isizini engaphelanga.