UThemba Zwane, obekade engadlali ngenxa yokonzakala, ngoku uza kudlala kwiMamelodi Sundowns emva kokuphila kwakhe.
Image: Phakamis Lensman/BackpagePix
UThemba Zwane uthi iMamelodi Sundowns iza kuvul' amehlo xa idibana neqela laseDemocratic Republic of Congo. ISundowns iza kudibana neSaint Eloi Lupopop emdlalweni weCAF Champions oza kube useLoftus Stadium ngorhatya ngoLwesihlanu.
Lo mdlalo wamaqela akuGroup C uza kutsala umdla wabalandeli bebhola ekhatywayo abaninzi ngoba iSundowns idibana neqela ekuthethwayo ngalo. Oku kudalwe yindlela eliziphethe kakubi ngayo ngethuba lidlala neOrlando Pirates emdlalweni obuseSoweto kutshanje.
Iqela lasePitoli lidlulele phambili kwiCAF Champions League emva kokuba lizibethele iqela laseNigeria. Kanti yona iSaint Eloi Lupopo yakwazi ukubetha iPirates ngamagowuli amathathu emdlalweni wokuqala eLubumbashi - kodwa yabethwa ngamathathu kowesibini eSoweto kwiiveki ezidlulileyo.
Iye yaphuma iPirates ngoba khange izikhabe kakuhle iipenela. Amasandawana alungiselela ukuyinyathela iLupopo noxa kusekuhleni ukuba ngeke ibethwe ingalwanga. Ukuyibetha yeyona nto inyanzelekileyo ngoba iSundowns iza kudlala ebaleni elibi eCongo.
Emva kokuthelekiswa kwamaqela kwiCAF Champions League kutshanje eGoli, uZwane uthe iSundowns ilindele umdlalo onzima ngoba idlala umdlalo omdaka iSaint Eloi Lupopo. "Sifumene ithuba lokuyibekela ngethuba idibene nePirates," utshilo uZwane ethetha namajelo eendaba.
"Abadlali beLupopo badlala kakubi eSoweto - kodwa bazama ukudlala bona. Siza kuhlalutya indlela edlala ngayo ukuze sidibane nayo sizazi iindawo esingayixhaphaza kuzo. Umdlalo uza kunika umdla," utshilo uZwane ophilileyo emva kokungadlali ngenxa yokonzakala.
"Ndiphilile ngoku, akukho nto ibihlungu endiyivayo. Ngoku ndiyakwazi ukuyitsala imilenze futhi ndibuyele ebaleni," utshilo uZwane uwaphuma kwangoko iSundowns idlala neMagesi FC umdlalo weBetway Premiership kwinyanga ephelileyo.
Uphosiwe yimidlalo yeqela lesizwe - kodwa kukhangeleka ngathi uHugo Broos uzimisele ukumsebenzisa ukuba uphilile.