Ezemidlalo

UMzantsi Afrika ufuna ukugweba indlala yaseDublin eyaqala ngonyaka ka2012

Pedro Mapelo|Published

Amabhokobhoko azimisele ukuqhubela phambili nokuphumelela imidlalo kutyelelo oluseYurophu.

Image: AFP

Emva kokuphumelela imidlalo emithathu ilandelelana eYurophu, iqela lesizwe lombhoxo loMzantsi Afrika lilindeleke ukuya umdlalo onzima ngempelaveki.

Oku kuza kwenzeka xa Amabhokobhoko edibana ne-Ireland emdlalweni wovavanyo oza kube useAviva Stadium, eDublin - apho agqibela khona ukuphumelela ngonyaka ka2012.

Amabhokobhoko aya emdlalweni olandelayo ekhuthazekile emva kokubetha iJapan, iFrance ne-Italy ngokulandelelana. Nangona kunjalo, uMzantsi Afrika kufuneka utshintshe igiya ngoba udibana ne-Ireland eyingozi.

Kunyaka ophelileyo, ilizwe ngalinye lakwazi ukuphumelela kanye emidlalweni emibini eMzantsi Afrika. Omnye wabadlali abadala kwiqela lesizwe, uEben Etzebeth uthe yahlukile i-Ireland kunamanye amazwe. Uthe kungakuhle ukuphumelela ngempelaveki ngoba uMzantsi Afrika unethuba elide ungaphumeleli eDublin.

"Siza kudibana nelizwe eliphezulu kumanqwanqwa ehlabathi. Ithi lo nto siza kudibana neqela elinamandla. Sonke sijonge emdlalweni ozayo sinovuyo ezintliziyweni zethu," utshilo uEtzebeth ethetha neentatheli.

UMzantsi Afrika uya emdlalweni olandelayo ufuna ukubuyisa isixhiba ngoba wabethwa ngo'19-16 yi-Ireland emdlalweni owawuseDublin ngonyaka ka2022 noxa ekhanyele uEtzebeth.

"Lo ngumdlalo owahlukileyo kweminye. Okwenzeke enyakani ogqithileyo akuthethi. Zininzi izinto ezenzekayo evekini, kuninzi futhi okwenzekileyo ukusukela mhla sabethwa ngo2022," utshilo uEtzebeth ovumileyo ukuba uRG Snyman noJean Kleyn banolwazi olungcono ngoba badlalela amaqela aphambili e-Ireland.

UMzandile Stick uxelele iintatheli ukuba uFranco Mostert noLood de Jager baza kutshitshiswa emva kokunikwa amakhadi abomvu emidlalweni edlulileyo ngokulandlelelana. Amabhokobhoko aza kudibana ne-Ireland emdlalweni oza kube ungo19:45 ngorhatya ngoMgqibelo.

Kulindeleke uuba uRassie Erasmus abhengeze abadlali aza kuqala ngabo umdlalo ngoLwesine wale vei. Uza kusasazwa ngqo kwiSuperSport TV kwabo bayibhatalayo idishi.