Amakhosi abetha iAS Simba ngo'3-1 emdlalweni weCAF Confederation Cup owawubanjelwe eDobsonville Stadium.
Image: KC Media
Emva kokuthi khebevu iiveki ezimbini zonke, Amakhosi alungiselela umdlalo obalulekileyo. Oku kuza kwenzeka xa engquzulana neqela ekuthiwa yiAl Masry emdlalweni weCAF Confederation Cup ngemini yangeCawa.
Njengokuba imidlalo yeCAF ingena kuvuthondaba, kubalulekile ukuqhuba kakuhle kweKaizer Chiefs ngoba izama ukubuyisa isidima sayo ebholeni yelizwekazi leAfrika. Akungeke kube yinto elula ukuphumelela eYiphutha - kodwa iqela laseMzantsi Afrika kufuneka lizame ukuze ligqibezele umsebenzi ekhaya.
Abadlali abaqhuba kakuhle abaquka uFlavio Silva noMfundo Vilakazi kufuneka baqinisekise ukuba iChiefs iyaliqabela iqhina eza kujamelana nalo ngeCawa emdlalweni kaGroup D. Amakhosi aya kwaFaro efuna ukulungisa into ngoba akhe abethwa yiAl Ahly kwiminyaka edlulileyo kwiCAF Champions League.
Emva kokuthelekiswa kwamaqela kwiiveki ezidlulileyo, uKaizer Motaung Jr uthe bazimisele ukwakha iqela eliza kuthatha inxaxheba kwiCAF Champions League kwixesha elizayo watsho ebethelela nokubaluleka kokuphumelela emdlalweni.
"Onke amaqela adlalela ukuphumelela indebe. Sazi kunyaka ophelileyo ukuba sifuna ukudlala imidlalo yeCAF. Siza kudlalela ukudlulela phambili," utshilo uMotaung Jr emva kokuthelekiswa kwamaqela eGoli.
Noxa kungekabikho uzinzo ncam kwiChiefs egxothe umqeqeshi futhi enabadlali abatsha abaninzi - kodwa yona izimisele ukwenza umsebenzi ngendlela ekulindelwe ngayo ngabalandeli bayo.
"Sizimisele ukujongana nomdlalo omnye ngexesha. Into esiyifunayo kukuba iqela liphumelele ngoba sifuna ukuncumisa abalandeli bethu," utshilo uMotaung Jr.
Amakhosi anyanzelekile azibonakalise ngoba anethuba elide engabonakali phakathi kwamaqela amakhulu. Sekulithuba elide kubonakala iMamelodi Sundowns neOrlando Pirates emidlalweni yeCAF.
"Iqela elikhulu njengeli lethu lifanelwe kukudlala kwiChampions League. Sinethuba singabonakali emidlalweni yeCAF - kodwa ndicinga ukuba iConfederation Cup ikwamkele ubukho bethu kuyo. Injongo yethu yexesha elide kukudlala kakuhle ukuze sibuyele kwiChampions League," utshilo umphathi weChiefs.