UMzantsi Afrika ubethe i-India okokuqala eminyakeni elishumi elinesihlanu.
Image: CSA
Iqela lesizwe loMzntsi Afrika leqakamba lothuse abantu abaninzi ngethuba liguqisa phantsi AmaNdiya angoompetha behlabathi kwiqakamba. Oku kwenzeke emva kokuba uMzantsi Afrika ubethe AmaNdiya ngemitsi engamashumi amathathu.
Kumangeno okuqala, i-Inida ingene yenza imitsi elikhulu elinamashumi asibhozo anethoba (189). Wona uMzantsi Afrika wenze ikhulu elinamashumi amahlanu anethoba (159). Kumangeno esibini, AmaNdiya enze imitsi engaphezulu kancinci kumashumi alithoba (93).
Kanti wona uMzantsi Afrika uye ngamandla wenza ikhulu elinamashumi amahlanu anesithathu (153) eKolkata. Le yinto engasoze ilityalwe ngoba yenzeke emva kweshumi elinesihlanu uMzantsi Afrika wagqibela ukubetha i-India emdlalweni wovavanyo kwiqakamba.
Okwenze kwamnandi kakhulu kwiqela likaTemba Bavuma kukuba libethe i-India ebaleni ebekunzima kulo ngokwenziwa yiyo ngabom. Uvuye kakhulu uBavuma ngoba ukubetha AmaNdiya ebaleni lawo yinto engafane yenzeke, ngakumbi nguMzantsi Afrika.
UBavuma uthe khange othuke xa esiva ukuba ibala belenziwe lalibi ngabom kuba kufunwa iqela lakhe lichithwe kwangoko emdlalweni.
"Ndicinga ukuba ibala ebekudlalelwa kulo belenziwe ngabaom. Thina size sisazi kakuhle ukuba asizudlala kakuhle kulo," utshilo uBavuma ebalisa indlela abathubeleze ngayo emdlalweni obunzima.
"Khange sothuke xa kusenzeka izinto emdlalweni. Ubakhona umahluko kodwa kubadlali abasakhulaayo ngoba abadlala bayakwazi ukumelana nazo. Umyalezo endiwunike abadlali ubusithi mabangazani ukucinga ngezinye izinto - kodwa ngethamsanqa kuye kwangcono.
"Izinto ziye zajika emva kokudlala kakuhle noCorbin Borsch. Ngekumnandi ukuba uMarco Jansen ebesekhona ukuze atshayelele asinike ukuzithemba," utshilo uBavuma.