Ezemidlalo

UTeboho Mokoena ubhiyozele awakhe amashumi amahlanu kwiqela lesizwe!

Pedro Mapelo|Published

UTeboho Mokoena udibanise amashumi amahlanu engumdlali waBafana Bafana ababethe iZambia emdlalweni obuseGqeberha.

Image: BACKPAGEPIX

Uvakalise uchulumanco olukhulu uTeboho Mokoena emva kokuba edibanise emidlalo engamashumi amahlanu kwiqela lesizwe.

Oku kwenzeke emva kokuba uMzantsi Afrika unkule iZambia ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni wobuhlobo obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha, emalanga ngoMgqibelo odlulileyo.

UMokoena, 28, udlale isigqingatha sokuqala kuphela eGqeberha ngomhla adibanise ngawo amashumi amahlanu emidlalo kwiqela lesizwe. Indawo yakhe ithathwe nguThalente Mbatha oncede aBafana Bafana ukuze bazibekele indawo kwiWorld Cup.

Nangona uMokena waqala ukudlalela iqela lesizwe imikhala isaxhuzulwa nguStuart Baxter - kodwa ubethelele indawo yakhe phantsi kukaHugo Broos.

Ebengomnye wabadlali abenze indima ebonakalayo ngethuba uMzantsi Afrika uqhuba kakuhle kwi2024 AFCON oyivale uhleli kwindawo yesithathu emva kweminyaka uphoswa ziitumente ezinkulu ngenxa yokungaqhubi kakuhle.

UMokoena ubalule uTau noBaxter njengabona bantu abamncedayo ekuqaleni kwakhe ubomi kwiqela lesizwe kwiminyaka eyadlulayo. "Le yimini enkulu ebomini bam futhi ndinombulelo omkhulu emva kokuhamba indlela ende kangaka," utshilo uMokoena kuSABC Sport TV.

Le ndedeba yaseFree State yaqala ukuzenzela igama elihle kwiSuperSport United eyabhangayo phambi kokuthengwa yiMamelodi Sundowns ephumelele iindebe eziliqela kuyo.

"Namhlanje ndidibanise imidlalo engamashumi amahlanu ndidlalela iqela lesizwe. Ndonwabe kakuhle futhi ndijonge phambili kwikamva eliqaqambileyo.

"Ndifuna ukubulela uBaxter ngoba nguye owandinika ithuba lokuqala lokudlalela iqela lesizwe. Enkosi kubo bonke abantu abandithumelele imiyalezo phambi komdlalo bevuyisana nam.

"Kwangaxeshanye, ndifuna ukubulela uPercy Tau ngoba wayekhona ngomhla wam wokuqala kwaye nguye nowayethe ixesha lam lokudlala liza kufika. Ngelishwa akekho apha ngoku.

"Ndiyambulela ngoba wayesoloko endixhasa," utshilo uMokoena obekhe wasematheni ngenxa yokudlaliswa enekhadi okwaye kwabangela uMzantsi Afrika uthathelwe amanqaku endleleni eya kwiWorld Cup.