Emva kokuthatha iBrutten Cup kwiveki ephelileyo, iWSU All Blacks iqala amalungiselelo weVarsity Shield.
Image: Pedro Mapelo/I'solezwe
Emva kokuphakamisa indebe yakhe yokuqala njengomqeqeshi, uPumlani Blaauw uthe iqela lakhe liza kuphumla kancinci emva koko liqale ukulungiselela itumente emalulekileyo.
Oku ukuthethe kweli phephandaba emva kokuba iWSU All Blacks yakhe ibethe iYoung Leopards ngo'27-12 emdlalweni weBrutten Ten obubanjelwe ePolice Park Stadium kwiveki ephelileyo.
Konke oku kwenzeke emva komsebenzi oncomekayo owenziwe likaqe likaBlaauw acinga ukuba uza kunceda xa iWalter Sisulu University ithatha inxaxheba kwiVarsity Shield.
Kumnandi kwiWSU ngoba ikwazile ukuzenzela imbali embhoxweni emva kokungaqgubi kakuhle kwiVarsity Shield edlalwa ziiyunivesithi zaseMzantsi Afrika. "Andinawo amazwi okuchaza indlela esivuya ngayo," utshilo uPhumlani Blaauw emva komdlalo obubanjelwe eMonti.
"Kumnandi kuthi ngoba siyayibona into esiyisebenzileyo. Yiminyaka kusithiwa iWSU idlala umbhoxo omhle - kodwa kwabe kungekho nto esiyikhombayo.
"Namhlanje ngoba siyakwazi ukuthi siphumelele indebe yeBrutten esize kuyo emva kokungaqhubi ngendlela encumisayo kwiVarsity Shield. Kwitumente esizidlale phambi kokuba size kule tumente senze umsebenzi obhetele kuzo," utshilo.
Impumelelo ezuzwe ngabafundi baseWalter Sisulu University kulindeleke ukuba ikhuthaze kakhulu iqela njengokuba liza kuqala amalungiselelo wesizini yeVarsity Shield elandelayo. "Okwenzeke kwiBrutten kuza kusinceda ngoba silolekile ngoku.
"Siyayazi ngoku ukuba siyayifumana into xa sizixelele. Emva kweveki esiza kuyiphumla, kuleya siza kuqalisa amalungiselelo weVarsity Shield. Siya enkampini esiza kuvala kuyo ngomhla wamashumi amabini kwinyanga yoMnga," utshilo umqeqeshi encumile.
Kwisizini yokuqala kwakunzima kwiWSU All Black ngoba kwagqugqisa iFort Hare University engakwazanga ukuzibekela indawo kwisizini yesibini yeBrutten ekhulayo.
Uyikhabe ngawo omane umqeqeshi into ethi iqela lakhe lifumene icham kuba ibingekho iFort Hare University obonwa njengekumgangatho olinganayo noweWSU All Blacks.
"Iyasazi iFort Hare ukuba iba lidabi elinzima xa idibene nathi. Ndingatsho ukuba iBrutten ibilushica ngoba besithelekiswe namaqela ebedlala kakuhle," uvale ngaloo mazwi uBlaauw.