Iintshatsheli ezintsha zeBrutten Ten zalo nyaka yiWSU All Blacks ebethe iYoung Leopards emdlalweni obusePolice Park Stadium.
Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa
Iincwadi zembali zibhalwe ngokutsha emva kokuba iWSU All Blacks iphakamise indebe yeBrutten Ten okokuqala. Oku kwenzeke emva kokuba ibethe iYoung Leopards ngo'27-12 emdlalweni otake iintlantsi ePolice Park Stadium emalanga woMgqibelo odlulileyo.
Akothusanga ukuphumelela kweWSU All Blacks ngoba ibilelona lombhoxo elizinzileyo futhi elinabadlali abasemgangathweni ophezulu kwisizini yesibini yeBrutten. Nangona kunjalo, umqeqeshi wayo uvakalise uvuyo olukhulu ngoba uthi noko ikhona into abaza kuyikhomba ngoku.
"Andinawo amazwi okuchaza indlela esivuya ngayo," utshilo uPhumlani Blaauw emva komdlalo obubanjelwe eMonti. "Kumnandi kuthi ngoba siyayibona into esiyisebenzileyo. Yiminyaka kusithiwa iWSU idlala umbhoxo omhle - kodwa kwabe kungekho nto esiyikhombayo.
"Kuhle namhlanje ngoba siyakwazi ukuthi siphumelele indebe yeBrutten esize kuyo emva kokungaqhubi ngendlela encumisayo kwiVarsity Shield. Kwitumente esizidlale phambi kokuba size kule tumente senze umsebenzi obhetele kuzo," utshilo uBlaauw.
Impumelelo ezuzwe ngabafundi baseWalter Sisulu University kulindeleke ukuba ikhuthaze kakhulu iqela njengokuba liza kuqala amalungiselelo wesizini yeVarsity Shield elandelayo. "Okwenzeke kwiBrutten kuza kusinceda ngoba silolekile ngoku.
"Siyayazi ngoku ukuba siyayifumana into xa sizixelele. Emva kweveki esiza kuyiphumla, kuleya siza kuqalisa amalungiselelo weVarsity Shield. Siya enkampini esiza kuvala kuyo ngomhla wamashumi amabini kwinyanga yoMnga," utshilo umqeqeshi encumile.
Kwisizini yokuqala kwakunzima kwiWSU All Black ngoba kwagqugqisa iFort Hare University engakwazanga ukuzibekela indawo kwisizini yesibini yeBrutten ekhulayo.
Uyikhabe ngawo omane umqeqeshi into ethi iqela lakhe lifumene icham kuba ibingekho iFort Hare University obonwa njengekumgangatho olinganayo noweWSU All Blacks.
"Iyasazi iFort Hare ukuba iba lidabi elinzima xa idibene nathi. Ndingatsho ukuba iBrutten ibilushica ngoba besithelekiswe namaqela ebedlala kakuhle," uvale ngaloo mazwi uBlaauw.