Ezemidlalo

Emva kweminyaka emanqindini, uNomeva uthi 'kwanele' uyayeka!

Pedro Mapelo|Published

UXolisani Ndongeni ugqibe kwelokuba ayeke ukudlala amanqindi.

Image: Facebook

Emva kweminyaka engaphezulu kweshumi elinesihlanu leminyaka ebetha amanqindi kudidi oluphezulu, uXolisani 'Nomeva' Ndongeni uthi kwanele akafuni ukubuyela eqongeni njengembethimanqindi kwakhona.

Ukuthethe oku kwikhasi lomnxbelelwano, uFacebook, emva kokuguqiswa phantsi kwakhe kumjikelo wesibini nguJhon Elin Orobio Siniestra. Konke oku kwenzeke emva komlo weWorld Boxing Council (WBC) Continental American junior-welterweight obubanjelwe eMontreal, eCanada, ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.

UNomeva, 35, wakwaBhaca ngokuzalwa - kodwa okhe wazinza eMonti, soze alityalwe ngabalandeli bamanqindi ngenxa yobuchule nokuzinikela akubonakalisileyo ukusukela ngonyaka ka2010 awaqala ngawo amanqindi kudidi oluphezulu phantsi kwesandla sikaMzamo Njekanye asebenzisene naye kakhulu.

Wakhe wangundabamlonyeni uNdongeni ngonyaka ka2015 emva kokuba wathi akabhatalwanga imali esisigidi sonke serandi nguDicksy Ngqula owayeyinxalenye yabaququzeleli bePremier Boxing League.

"Kugqityiwe, andiphindi ndilwe," utshilo uNomeva emva komlo alwe kuwo nembethimanqindi yaseColombia embonise kakubi ngomhla wakhe wokugqibela eqongeni lamanqindi.

Phantsi kwegama lakhe, uNomeva unemilo engamashumi amathathu anesithathu kudidi oluphezulu. Kuloo milo, ubethiwe kwesibhozo. Yena uwise amadoda alishumi elinethoba - logama eminye eyiphumelele ngendlela eqhelekileyo.

Le mbethimanqindi yaseMpuma Koloni yafudukela eGoli - apho yenza khona umsebenzi wokujimisa abantu abaquka oosaziwayo.

Eminye yemilo abethwe kuyo uNdongeni uyilwe eMelika naseYurophu ngoba ebenoluvo oluthi iimbethimanqindi zaseMzantsi Afrika ziyaqhathwa ngabathelekisi abaququzelela imilo.

Njengokuba izinto bezikhe zingamhambeli kakuhle, bekusoloko kukho abantu abathile abebembelesele ngokuthi makawayeke amanqindi.

Umbuzo wakhe umbumnye: ndiyeke emva koko ndithini? Noxa ebephendula iithetha ezinjalo ehleka - kodwa ebesoloko ebabonisa abantu ukuba kunyanzelekile ukuba azame ukubeka into etafileni njengendoda enosapho.