Amabhokobhoko angombe AmaTaliyane emdlalweni wovavanyo kwimpelaveki ephelileyo.
Image: Springboks Media
UDamian Willemse uwaqhwabele izandla Amabhokobhoko aphinde aphumelela ebunzimeni engaphelelanga.
Amabhokobhoko aphumelele umdlalo wawo wesithathu kutyelo oluseYurophu emva kokucambalalisa amaTaliyane ngo'32-14 emdlalweni wovavanyo obubanjelwe eAllianz Stadium kwisixeko ekuthiwa yiTurin emalanga ngoMgqibelo odlulileyo.
Kwakhona uMzantsi Afrika uqhwalele kwangoko emdlalweni emva kokukhutshwa kukaFranco Mostert ngekhadi elibomvu ngenxa yokudlalisa kakubi uPaolo Garbisi.
Ukungabikho komdlali omnye kunike amandla i-Italy ebikhangela impumelelo kowayo emva kokuba ibethwe kabini nguMzantsi Afrika ekuqaleni kwalo nyaka okekeleyo.
Bekunzima emdlalweni, kangangokuba kuphele amashumi amathathu emizuzu kungento ebhodini ngenxa yokubambana kwawo amaqela. Kodwa nangona bekunjalo, Amabhokobhoko akwazile kodwa ukufumana amanqaku phambi kokugqibezela kwisigaba sesibini ekungene kuso oorhasatsha babadlali abafike bawagqagqanisela amaTayilane.
"Uyamangalisa umsebenzi owenziwe liqela. Ibeke uxinizelelo olumandla kuthi i-Italy - kodwa sikwazile ukuza necebo elisincedileyo ukuze siphumelele," utshilo uWillemse.
"Ndifumana iwonga lomdlali oqaqambileyo - kodwa umsebenzi wona wenziwe liqela lonke," utshilo uWillemse obeyintsika yoMzantsi Afrika oxikixwe ngamaTaliyane adume ngokusebenzisa amandla.
"Bekunyanzelekile ukuba singoobani emdlalweni wanamhlanje. Ndiyaziqhenya ngeqela lethu nendlela elizame ngayo ukuza nesisombululo. Yinto endawuze ndiyikhumbule le yenzekileyo," utshilo uWillemse.
Kwelinye icala, uRassie Erasmus uthe ufuna ukucaciselwa ukuba kutheni umdlali wakhe ekhutshwe ngekhadi elibomvu. Ukukhutshwa kwemdlali kuye kwamnyanzela uErasmus ukuba enze iinguqu emdlalweni ezithe zachaphazela uSiya Kolisi.
"Andithi isigqibo sikasompempe asichanekanga. Ndizama ukuthi abadlali abohlwayelwa ukusebenzisa igxalaba abajongwa ngendlela efanayo ngoosompempe.
"Kufuneka ilungiswe le nto ngoba asazi ngoku ukuba masithini ebadlalini bethu," utshilo uRassie ozamkeleyo ngovuyo iziphumo zomdlalo. Amabhokobhoko aza kudibana ne-Ireland emdlalweni oza kube useDublin ngempelaveki.