URulani Mokwena uthi makadlale kakuhle uThembinkosi Lorch, angazikhathazi ngokuthethwe ngumqeqeshi.
Image: Facebook
Umqeqeshi WEMC Alger, uRulani Mokwena, uthi inye indlela uThembinkosi Lorch angenza ngayo ukuze aguqule ingqondo kaHugo Broos ongafuniyo ukumfaka kwiqela lesizwe.
Le ndedeba, eyayifuduka iqeqesha iMamelodi Sundowns, ivakalise izimvo zayo ngethuba ithetha neentatheli zeSafja phakathi kule veki.
Kwiveki ephelileyo, uLorch ebesematheni wabalandeli bebhola ekhatywayo emva kokuba uBroos ayikho indawo kaLorch kwiqela lesizwe ngenxa yeminyaka yakhe nangona iintanga zakhe sizabizwa.
ULorch, 32, ngumdlali weWydad Athletic Club ngokupheleleyo emva kokukhululwa yiSundowns ekuqaleni kwesizini eqhubekayo. Waya kuyo kuqala ngemboleko kunyaka ophelileyo emva kokuthathwa nguRulani Mokwena owayengumqeqeshi wayo ngela xesha.
Iye yamthathela kuyo emva kokudlala kakuhle kwiFIFA Club World Cup ebiseMelika phakathi enyakeni. Nakule isizini uLorch usaqhuba kakuhle - kodwa umqeqeshi waBafana Bafana uthi akanayo umdla kuwo. Khange kubekho kuziphatha kakubi akuxelileyo uBroos obekunoqinisa isigqibo sakhe.
UMokwena uthe uLorch makasebenze ebaleni njengoThemba Zwane owakhe akahoywa nguBroos oyintonga yakhe esekhosi ngoku. "Sinomqeqeshi onguHugo Broos oqhuba kakuhle kakhulu," utshilo uMokwena encokola neentatheli.
"Njengokuba iqela lesizwe lidlala kakuhle, kuyabonakala ukuba unokhonkco lentsebenziswano nabadlali abakhoyo. Ibalulekile lo nto kwaye ndicinga ukuba masihambeni ngendlela ayikhethileyo. Ingayindlela endingayithandiyo - kodwa uyafuna ukunconywa ngenxa yempumelelo ayizuzileyo.
"ULorch makajonge phaya kuThemba Zwane ngoba kwenzeka into efanayo neyakhe. Ndikhumbula ndimxelela ukuba uyatshisa; abakwazi ukungamhoyi. UZwane wayedlala kakuhle noxa umqeqeshi wayengamfuni ngokuya.
"Ukuba uLorch uqhubela phambili nokwenza umsebenzi wakhe, angajika umqeqeshi nalapha kuye. Ziindaba ezimnandi zodwa endiziva kumphathi weWydad xa ndimbuza ngendlela aqhuba ngayo uLorch eqeleni lakhe," utshilo uLorch owayethatha uLorch kwiPirates wamsa kwiSundowns.