Ezemidlalo

URassie Erasmus wenze iinguqu ezilushumi elinanye kwiSpringbok

Pedro Mapelo|Published

URassie Erasmus wenze iinguqu ezininzi phambi komdlalo ophakathi koMzantsi Afrika ne-Italy.

Image: Backpagepix

URassie Erasmus uza kufaka edyokweni abadlali abatsha abaninzi emdlalweni ongempelaveki.

Oku kucace xa ebebhengeza amagama abadlali abaza kuqala umdlalo xa Amabhokobhoko adibana ne-Italy emdlalweni wovavanyo oza kube useAllianz Stadium, eTurin, ngentsimbi yesibini emini ngoMgqibelo.

NguSiya Kolisi nabadlali abafana noBoan Venter, uKurt-Lee Arendse noDamain Willemse abadlalileyo emdlalweni ogqithileyo futhi abaza kuqala umdlalo ekulindeleke ukuba utake iintlantsi ngoMgqibelo.

Amabhokobhoko akhuthazekile emva kokubetha iFrance ngo'32-17 emdlalweni obuseParis kwiveki ephelileyo. Noxa uMzantsi Afrika wayivuthulula kakubi i-Italy emidlalweni ebisekuqaleni kwalo nyaka - kodwa kulindeleke ukuba ulwe ngamandla phambi kwabalandeli bayo.

Emva kokuphumelela imidlalo edlulileyo, kukho uxinizelelo kwiSpringbok ngoba yiyo ekulindeleke iphumelele. Ngabadlali abafana noMorne van den Berg noHandre Pollard ababuyela eqeleni futhi ekulindeleke ukuba bancede uMzantsi Afrika.

"Satsho kwantlandlolo ukuba siza kusebenzisa abadlali abohlukeneyo emidlalweni. Siyakholwa ukuba sidibanise iqela eliza kusiweza kwi-Italy," utshilo uErasmus ecacisa isizathu esibangele enze iinguqu ezininzi.

"Iqela lethu linamandla. Kuhle ukubona abadlali abafana noJean, Handre, Edwill noBen-Jason beza kudlala kwakhona. UHandre noJean ngabadlali abasuka kwiWorld Cup logama yena uBen-Jason edlale emidlalweni emikhulu. Kuyasivuyisa ukubadibanisa emdlalweni ozayo," utshilo uErasmus ethetha neentatheli namhlanje.