Ezemidlalo

Ukuzimisela kwakhe uMasindi Nemtajela kumvulele amathuba ebholeni ekhatywayo!

Pedro Mapelo|Published

UMasindi Nemtajela, odalela iPirates uzimisele ukubethelela indawo yakhe kwiqela lesizwe.

Image: Itumeleng English Independent Media

Odlala esiswini kwi'Orlando Pirates, uMasindi Nemtajela, ubalule ukusebenza ngokuzimisela njengeyona nto emsuse ezantsi yambeka phezulu ebholeni ekhatywayo. UNemtajela, 24, ngumdlali osemtsha kwiPirates - kodwa obalulekileyo kuyo kakhulu.

Phambi kokudlala kwiBetway Premiership, lo mdlali wePirates udlalele iSenaoane Gunners edlala kwiABC Motsepe League phambi kokubonwa yiMarumo Gallants.

Ngoku udlalela elinye lamaqela amakhulu eMzantsi Afrika phantsi komqeqeshi omaziyo, uAbdeslam Ouaddou, naye osuka kwiMarumo Gallants.

Emva kokwenza ezibukwayo emidlalweni embalwa kwiPirates, ngoku uNemtajela ngumdlali weqela lesizwe emva kokufumana itamsanqa lokubizwa nguHugo Broos.

Njengokuba aBafana Bafana belungiselela ukudibana neZambia emdlalweni wobuhlobo oza kube useNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha, emalanga ngoMgqibelo, kungenzeka anikwe ithuba lokudlala ngumqeqeshi osajonga abadlali aza kuya nabo kwiAfrica Cup of Nations ekwinyanga ezayo eMorocco.

Uyalivuyela ithuba alifumeneyo ebomini bakhe uNemtajela. "Ebomini bam njengomdlali webhola ekhatywayo, ndiyakubulela okwenzeka kum. Indlela yam ibinzima ngoba ndaqala ukudlala emidlalweni yaMabhobo Tournament ebaleni elinamahlalutye," utshilo uNemtajela ethetha neentatheli enkampini yaBafana Bafana.

"Izinto zam zaye zakhawuleza ngoba ndazibhaqa sendidlala kwaNFD emva koko ndanyukela kwiPSL. Kwisizini yam yesibini kwiMarumo Gallants ndibe sendithathwa yiPirates. Emva kwemidlalo emithandathu, ngoku ndikwiqela lesizwe," utshilo umdlali wePirates.

"Ndinombulelo omkhulu futhi kuyacaca ukusebenza kwam ngokuzimisela ukuba kuyandisebenzela. Ukuba kwiqela lesizwe yinto enkulu kakhulu kum. Umqeqeshi usinikile ithuba, kukuthi ukulisebenzisa kakuhle. Ndifuna ukulwela ilizwe lam kwiFIFA World Cup," utshilo uNemtajela.

Ukuba uqhubela phambili nokudlala kakuhle kwiPirates, kungenzeka abephakathi kwabadlali abaya kwiAFCON kwinyanga ezayo. Yinto engaguqula ubomi bakhe leyo ngokupheleleyo ngoba uza kudlala kwiAFCON ejongwe ngamaqela aseYurophu.