Amaqela amabini, iWSU All Blacks neYoung Leopards, aza kudibana emdlalweni wokugqibela weBrutten emalanga ngoMgqibelo, eMonti.
Image: Pedro Mapelo
Kulindeleke ukuba kuqhawuke unobathana emdlalweni wokugqibela weBrutten. Oku kuza kwenzeka xa kudibana iYoung Leopards neWSU All Blacks emdlalweni oza kube usePolice Park Stadium, eMonti, emva kwemini ngoMgqibelo.
Kulindeleke inyambalala yabalandeli bombhoxo ngoba kudibana amaqela adlale kakuhle kakhulu kwisizini yesibini yeBrutten 10 eqaqambise italente kwakhona. Omabini la maqela aqhayisa ngabadlali abasemgangathweni ophezulu afumana ithuba lokuqala lokuphakamisa indebe yeBrutten.
Kwiveki ephelileyo, iYoung Leopards idlulele phambili kwiBrutten emva kokuba ibethele oogqirha nezicaka iBuffs ngo'38-12 emdlalweni wokuqala obubanjelwe eSisa Dukashe Stadium.
Nakubeni umdlalo ububambene kwisigaba sokuqala - kodwa kwisigaba sesibini, iYoung Leopards iyibonise amaqhekez' engqele iBuffs ehambe umgama omde kwisizini yayo yokuqala kwiBrutten.
Kanti nakowesibini umdlalo kuye kwacaca ukuba kudibene amakhwenkwe amadala futhi abezimisele ukulwa kude kube kusekugqibeleni kwetumente.
Izamile ukuxhathisa iFB United, edlale iphantsi kwelifu elimnyama emva kokulahlekelwa nguSive Tshaka obengumdlali wayo ophambili - kodwa iwile ngoba ibidibene neWSU All Blacks ephumelele ngo33-18 emdlalweni wesibini eMdantsane.
Abafundi bazicacisile ukuba alikho iqela elingamelana nabo xa bezimisele. Baza kudlala umdlalo wokugqibela bephantsi koxinizelelo ngoba abantu abaninzi balindele bathathe indebe njengokuba ingekho iFort Hare University ebiziintshatsheli zonyaka ophelileyo.
Ngenxa yabadlali abasemgangathweni ophezulu beWSU All Blacks, kulindeleke ukuba ingasokoliswa kakhulu iYoung Leopards noxa inawo amandla okuzilwela.
Emva kokungaphumeleli kwiveki ephelileyo, iBuffs iza kuswantsulisana neFB Uniuted emdlalweni oza kugabula izigcawu ngentsimbi yokuqala.
La maqela mabini aza kube esilwela indawo yesithathu kwiBrutten 10. Iintshatsheli ziza kugoduka ziphethe indebe yesilivere ekhatshwa ngamashumi amathathu amawaka eerandi (R30 000).