USiyakholwa Kuse unconyiwe nangona ebuye engaphethanga nto emva komlo wakutshanje.
Image: Facebook
Inconyiwe imbethimanqindi yaseMzantsi Afrika nangona ingakwazanga ukubuya nempumelelo emdlalweni wakutshanje. USiyakholwa Kuse ubuyele ekhaya entywizisa emva kokubethwa ngamanqaku nguMelvin Jerusalem emlweni obubanjelwe eQuezon City, ePhilippines, kwiveki ephelileyo.
Emva kwemijikelo elishumi elinambini, umlo unikwe uJerusalem ngabagwebi abathathu abathe uphumelele ngolu hlobo: 115-113, 115-113, 116-112. Nangona engaphumelelanga nje uKuse - kodwa ebengekudanga ngamanqaku kuJerusalem obesilwela ekhaya.
UManny Fernandes noColin Nathan, abangabaqeqeshi bakaKuse, babuye besithi bekufanele ukuba ayibethwanga imbethimanqindi yabo. "Umlo ububambene kusilwelwa endaweni kaJerusalem. Ndiyazingca ngomsebenzi owenziwe nguKuse. Uza kufunda okuninzi emlweni ofana nalo," utshilo uFernandes olikhankatha likaKuse obeqala ukulwela ngaphandle kwemida yoMzantsi Afrika.
Waleke umsundulo uNathan ngelithi uKuse ebeza kuwuphumelela umdlalo ngaphandle kwamathandabuzo ukuba ebesilwela ekhaya. "UKuse wenze umsebenzi oncomekayo. Ebeza kuphumelela ngamanqaku afanyo ukuba umlo ubuseMzantsi Afrika," utshilo uNathan ethetha nentatheli yeSowetan emva komlo kaKuse okhangela indlela yokuba yintshatsheli yehlabathi.
Naye uMlandeli Tengimfene uxelele iSowetan ukuba uKuse usebenzile noxa engakwazanga ukufumana iziphumo ezincumisayo. "UKuse yimbethimanqindi enesibindi. Ndibone kukho ukuphucuka kwindlela alwe ngayo. Ukwazile ukumelana namanqindi anzima futhi ndiyakholwa ukuba unawo amandla okuba yintshatsheli. Emijikelweni yokugqibela uye wadinwa. Ayimbanga lo nto ngoba isantya somlo besiphezulu," utshilo uTengimfene.