Amabhokobhoko alungiselela ukudibana ne-Italy emdlalweni ongoMgqibelo.
Image: Springboks
Omnye wabadlali beqela lesizwe loMzantsi Afrika, uMarco van Staden, uthi baza kudibana namaTaliyane ekelemile ngoba adlala ngcono xa esekhayeni lawo.
Ukuthethe oku phambi komdlalo wovavanyo ophakathi kweSpringbok ne-Italy oza kube useTurin ngentsimbi yesibini emini ngoMgqibelo. Amabhokobhoko aza kudibana ne-Italy kowayo ekhuthazekile emva kokungcwaba iFrance ngo'32-17 emdlalweni obuseParis kwiveki ephelileyo.
Nangona kunjalo, uVan Staden uthi AmaTaliyane aza kulwa ngamandla phambi kwabalandeli. Uvumile kekambe ukuba Amabhokobhoko adlale kakuhle kakhulu eFrance.
"Besinomdlalo omkhulu eFrance. Abadlali bethu badlale ngendlela encomekayo futhi ndicinga ukuba okwenzeke emdlalweni kusukele kwindlela esizilungiselele ngayo phambi komdlalo," utshilo uVan Staden ekuqaleni kwale veki.
Uthe abadlali bayancedisana kwiqela lesizwe futhi amalungiselelo enziwa ngumntu wonke. Amabhokobhoko kufuneka anyuse umxakatho ngoba nawo AmaTaliyane aza kuya emdlalweni efuna ukuziphindezela.
Abethwa nguMzantsi Afrika emidlalweni ebisekuqaleni kwalo nyaka. Nangona esazi ukuba aza kuhamba nzima - kodwa aza kudlalela ukuncumisa abalandeli bawo.
"Siza kudibana neqela elinabadlali abadlala ngentshisakalo namandla emdlalweni osekhaya. Ndicinga ukuba sibonile, i-Italy itshintsha igiya xa idlalela ekhaya. Ukudlalela phambi kwabalandeli kufunqula indlela edlala ngayo," utshilo uVan Staden.
Amabhokobhoko ayingomba ngo'45-0 i-Italy emdlalweni wokugqibela eNelson Mandela Bay Stadium kulo nyaka. Kulindeleke ukuba uRassie Erasmus afake abanye abadlali - kodwa abagcine abanye ngoba injongo yakhe kukuyiphumelela yonke imidlalo ezayo.
"Mibini ngoku imidlalo ephunyelelwe nguMzantsi Afrika okutyelelo laseYurophu oluza kuphela phakathi kwinyanga yoMnga. Abadlali abaza kuqala umdlalo baza kubhengezwa ngumqeqeshi ngentsasa yangoLwesine.