UVela Khumalo uyiqhwabela izandla inkqubela eyenziwe ngaMajimbos kwiFIFA Under-17 World Cup ebanjelwe eQatar.
Image: Backpagepix
UVela Khumalo uvakalise ukuchwayita okukhulu emva kokuba Amajimbos edlulele phambili kwiFIFA Under-17 World Cup ebanjelwe eQatar.
Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lamakhwenkwe asedyongo lenze imbali nakubeni libethwe yi-Italy ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni obungorhatya ngeCawa edlulileyo.
Kugqitywe imidlalo kaGroup A uMzantsi Afrika uhleli kwindawo yesibini emva kwe-Italy eyiphumelele yonke imidlalo yayo. IQatar, ebidlalela ekhaya, iphumile ngoba ayikwazanga ukubetha iBolivia emdlalweni odlulileyo.
Amajimbos, athatha inxaxheba okwesibini kwitumente yehlabathi, adlulele kumjikelo wesibini okokuqala kwitumente yehlabathi. Ngumtsi oya phambili oncomekayo ozelwe ngumsebenzi omhle owenziwe ngabadlali nabaqeqeshi eQatar.
Nangona Amajimbosi engakwazanga ukubetha AmaTaliyane, akwazile ukubetha iBolivia phambi kokubambana neQatar emdlalweni wesibini. UKhumalo uvakalise uvuyo olukhulu emva komdlalo odlulileyo ngoba iqela lakhe likwazile ukufika kwindawo abeyifuna nangona amalungiselelo ebengaqinanga kakuhle.
"Ndonwabe kakhulu, wonke umntu wonwabile enkampini futhi ndicinga ukuba bonke abantu baseMzantsi Afrika bayavuya," utshilo uKhumalo emva komdlalo ogqithileyo. Umqeqeshi namakhwenkwe wakhe basebenzile ngoba amalungiselelo wetumente abakuyo khange ahambe kakuhle.
"Siyifumene indawo esize apha sifuna ukufika kuyo. Ndingangenanga nzulu kokwenzeke emdlalweni, into yokuqala kukuba sikwazile ukuya kumjikelo wesibini. Siza kuzama ukulungiselela ukufumana iziphumo ezibhetele," utshilo umqeqeshi.
UKhumalo ubopha amabande ngoba akabafumananga abanye abadlali abafundayo ngenxa yeemviwo zokuphela konyaka. Kwelinye icala kukho ukonzakala okuphethe mbengwana abadlali bakhe.
"Senza iinguqu ngenxa yokonzakala kwabadlali. Abantu abaninzi abayazi lo nto," utshilo umqeqeshi waMajimbos. Okwangoku akucaci ukuba uMzantsi Afrika uza kuqubisana nawaphi amazwe kumjikelo wesibini wetumente yehlabathi.