ABafana Bafana, abaza kudibana neZambia emdlalweni oza kube useGqeberha, baqale amalungiselelo eGoli ekuqaleni kwale veki.
Image: Independent Media
Ekuqaleni kwale veki, uHugo Broos uyibeke yacaca ukuba awukho umdlalo wobuhlobo kuye ngoba yonke ibalulekile.
Oku ukuthethe enkampini eGoli phambi komdlalo wobuhlobo ophakathi kwaBafana Bafana neZembia obekelwe intsimbi yesithandathu ngorhatya ngoMgqibelo kwibala laseGqeberha, iNelson Mandela Bay Stadium.
Umqeqeshi wazise abadlali aza kubasebenzisa kwiveki ephelileyo. Amakhwenkwe wakhe asakhuthazekile emva kokuzibekela indawo kwitumente yehlabathi okwenzeke kwinyanga ephelileyo.
Nangona eza kusebenzisa umdlalo ongempelaveki njengendlela yokulungiselela iAfrica Cup of Nations ekwinyanga ezayo - kodwa kulindeleke avavanye abadlali abatsha acinga ukuba bangalinceda iqela lesizwe.
Phakathi kwabo badlali kukho uMasindi Nemtajela weOrlando Pirates noKeletso Makgalwa weSekhukhune United. Bobabini ngabadlali abafumana ithuba emva kokuziqaqambisa emaqeleni wabo.
Kubalulekile ukuvavanywa kwabadlali abatsha ngoba kungenzeka ukuba kubekho abadlali abonzakalayo. Umqeqeshi uthe kunyanzelekile aBafana Bafana badlalele ukuyibetha iZambia ngoba ulungiselela iAFCON.
"Siza kubanika abadlali ithuba lokudlala - kodwa ndifuna impumelelo," utshilo uBroos oqale ngokuvakalisa ukungonwabi ngenxa yamalungiselelo aqale akahamba ngendlela ayithandayo.
"Amalungiselelo wethu kufuneka ahambe kakuhle. Ngeke sikwazi ukubethwa yiZambia phambi kokuqala kweAFCON. Siza kusebenzisa iqela elomeleleyo - kodwa bangakhona abadlali abatsha ekuhambeni komdlalo.
"Kum ayingomdlalo wobuhlobo lo siya kuwo. Ndifuna ukubona abadlali bedlala ngokuzimisela ngokufanayo nendlela esiqhube ngayo eminyakeni edlulileyo. Bendirhalela ukudibana neqela elikhulu nangona nayo iZambia iza kusinceda.
"Kunzima ukufumana amazwe afana neNigeria, iCameroon, iDRC neGabon ngoba asadlalela ukuya kwitumente yehlabathi. Amalungiselelo weAFCON aza kuqala kwiveki yokuqala kwinyanga ezayo ePitoli kwiintsuku ezimbalwa phambi kokuthelekiswa kwamazwe aza kudlala eMorocco.