USiya Kolisi evuyela impumelelo yoMzantsi Afrika obethe iFrance kwiveki ephelileyo.
Image: Springboks
Iincwadi zembali emdlalweni wombhoxo waseMzantsi Afrika zibhalwe ngokutsha emva kokuba uSiya Kolisi engene kuluhlu lamadoda amakhulu. Oku kwenzeke emva kokuba edibanise ikhulu lemidlalo yovavanyo njengomdlali weSpringbok esingombe iFrance ngo'32-17 emdlalweni obubanjelwe eStade de France, eParis, kwimpelaveki egqithileyo. UKolisi ungene kuluhlu labadlali abalithoba kuphela abakwazileyo ukudibanisa badlule kwikhulu lemidlalo yovavanyo kwimbali yoMzantsi Afrika ogqumze iFrance ebizimisele kowayo.
USacha Feinberg-Mngomezulu, uCobus Reinach, Andre Esterhuizen noGrant Williams ngabadlali abaqinisekise ukuba Amabhokobhoko aphumelela umdlalo ngokufaka amanqaku. Ngokwenza njalo, Amabhokobhoko abethelele indawo yawo ephezulu kumanqwanqwa ehlabathi. Ibibhokile iFrance phambi kwabalandeli bayo futhi ibizimisele ukuwaqhawula imilenze Amabhokobhoko awayikhupha kwitumente yehlabathi ngo2023. Emva komdlalo, uKolisi wenze umbulelo kubo bonke abantu abamncedileyo ebomini bakhe.
Umdlalo obuseFrance uwuchaze njengokhethekileyo ngenxa yezinto ezenzeke kuwo eziquka ukukhutshwa kukaLood de Jager okubangele uMzantsi Afrika udlale ungaphelelanga ebaleni. "Singene emdlalweni sikulindele ukulahlekelwa ngumdlali," utshilo uKolisi emva komdlalo echwayitile. Uthe umqeqeshi weqela ubalumkisile ngamakhadi angavela emdlalweni besazilungiselela phambi kokuthetha ngokufikelela kwakhe kwikhulu lemidlalo kwiSpringbok awaqala kuso ngonyaka ka2013.
UKolisi nguKapteni wokuqala omnyama okhokele Amabhokobhoko athathe iNdebe yeHlabathi kabini amatyeli elandelelana. Ngaphezulu kwalo nto, uKolisi ngumdlali wombhoxo onefuthe ehlabathini lonke ngoba ungumntu ohlwayela intlalontle phakathi kweentlanga zonke futhi uyinkokeli yabantu bonke. Akafunanga ukuzincoma xa kuthethwa ngempumelelo efunyenwe nguMzantsi Afrika ngethuba lokukhokela kwakhe, endaweni yoko, uncome wonke umntu omncedileyo ebomini bakhe obebunzima.
"Yonke into endiyenzileyo, andiyenzanga ngamandla wam. Andiyonto ngaphandle koogxa bam. Ndiyibulela kakhulu indlela abalwe ngayo emdlalweni. Nokuba ngubani okhule ekwimeko efana neyam, ndifuna ukumxelela ukuba impumelelo iyafumaneka nokuba uloluphi na uhlanga. Ayindim ndodwa ozuze impumelelo esuka ebunzimeni, baninzi kwezemidlalo. Ndiyathemba ukuba abantu babanethemba xa besijongile namandla okuphumelela," utshilo uKolisi.