USiya Kolisi uza kukhokela uMzantsi Afrika xa udibana neFrance emdlalweni wovavanyo ngomso ebusuku.
Image: Facebook
Xa abadlali boMzantsi Afrika bombhoxo bengena ebaleni ngomso ebusuku, iza kube iyimini enkulu kakhulu kuSiya Kolisi oza kube edibanisa ikhulu elivisayo lemidlalo yovavanyo.
Oku kuza kwenzeka xa iintshatsheli zehlabathi ziswantsulisana neFrance emdlalweni oseStade de France, eParis, ebusuku ngomso (uMgqibelo)ngentsimbi yeshumi.
UKolisi, owayekhokele Amabhokobhoko esophula iintliziyo zabantu baseFrance ngo'29-28 emdlalweni wetumente yehlabathi ngo2023, uza kube ekhokele kwakhona emdlalweni woomakadezondana embhoxweni wehlabathi.
USiya Kolisi, 34, waqala ukudlala umbhoxo kwiAfrican Bombers kwidolophi yaseGqeberha - apho wazalelwa khona phambi kokuziqaqambisa kumaqela aquka iStormers, iRacing 92 neThe Sharks.
Phantsi kukaRassie Erasmus ongumqeqeshi owamnika uxanduva olunzima lokudibanisa imihlambi eyalanayo, uKolisi ube ngumdlali wokuqala entsundu okhokele Amabhakobhoko agqugqise ihlabathi embhoxweni izihlandlo ezibini zilandelelana.
Omnye woohlahlindlela wabadlali abamnyama kwiqela lesizwe, uKaya Malotana, umchaze uKolisi njengenkokeli enesibindi, ethobekile nebeka abantu phambili ebomini bayo.
"Ibinzima kakhulu indlela ayihambileyo uSiya. Ukhe wasokoliswa kukonzakala zabe zininzi nezinye izinto ezimsokolisayo ezinxulumene nobomi bakhe - kodwa uzinyamezele zonke uSiya," utshilo uMalotana ongumsasa wombhoxo ophambili kwiSuperSport TV.
"Ubonakalise ukomelela kwiinzingo nakwindlela emxinwa ebehamba kuyo. Ekhulwini lemidlalo kwiSpringbok ufika ngoba uSiya ungumntu onyamezelayo, owomeleleyo, ozithobileyo futhi ongasoze umbone eziphakamisile ngaphezulu kunabanye abantu.
"Uyinkokeli elikroti uSiya, ebeka abanye abantu phambili futhi ekwaziyo ukucela uncedo kwabanye abantu abakufutshane. Uyakwazi ukubuya umva avumele abanye abantu bakhokele xa kufike ithuba lokwenza oko.
"Wahlukile yena ngoba wabusiswa nguMdali owamsondeza ebantwini abamvulela amathuba amphakamisileyo ebomini bakhe," utshilo uMalotana.
Izinto zamhambela kakuhle uSiya Kolisi ngoba wafumana isiseko esomeleleyo kuMnu. Mkhuseni Songwiqi ongumqeqeshi wakhe ngethuba awayesadlala elokishini kwiBombers.