Ezemidlalo

UKhumalo uthi Amajombos azenzele umsebenzi onzima kwiFIFA World Cup

Pedro Mapelo|Published

Amajimbos aza kudibana ne-Italy emdlalweni olandelayo.

Image: FIFA

Emva komdlalo wesibini kwitumente yehlabathi, uVela Khumalo uthi Amajimbos azenzele umsebenzi onzima. Umqeqeshi uvakalise indlela azive ngayo emva kokuba Amajombos ebambene ngegowuli elinye macala neQatar emdlalweni wesibini weFIFA Under-17 World Cup obungorhatya ngoLwesibini kule veki.

Inqaku elinye lithathe uMzantsi Afrika lawubeka kwindawo yesibini kuGroup A. Oku kwenzeke emva kokuba Amajimbos ebethe iBolivia ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni wokuqala.

Kwindawo yokuqala kuGroup A kuhleli i-Italy ebethe iQatar neBolivia ngokulandelelana. AmaTaliyane sele eqinisekile ngokudlulela kumjikelo olandelayo logama amanye amaqela kufuneka asebenze. Noxa unamanqaku amane uMzantsi Afrika, kufuneka usebenze emdlalweni odibana kuwo ne-Italy ngeCawa.

Umqeqeshi ebefuna aphumelele Amajimbos ukuze izinto zicace kwangoko. Inenqaku elinye iQatar enethemba lokubetha iBolivia emdlalweni wokugqibela. UMzantsi Afrika udinga inqaku elinye emdlalweni ozayo. "Sizibeke phantsi koxinizelelo ngokwethu," utshilo uVela Khumalo emva komdlalo odlulileyo.

Emdlalweni olandelayo, kunyanzelekile uMzantsi Afrika ube nento oyifumanayo. "Kunyanzelekile sidlalele ukuphumelela noxa sidinga inqaku elinye. Sifuna ukuphumelela ngoba sizibona sisiya phambili.

"Okufunekayo ngoku kukuzilungiselela ngokupheleleyo ngoba sidlala ne-Italy edlala kakuhle. Phambi komdlalo ogqithileyo sithethile ngokubaluleka kwawo. Andizami ukuthi abadlali bebengakhathali - kodwa ndibonile behleli emva," utshilo umqeqeshi.