Ezemidlalo

Atshintsha igiya Amabhokobhoko adibana neFrance efuna ukubuyisa isixhiba

Pedro Mapelo|Published

Amabhokobhoko alungiselela ukudibana neFrance emdlalweni ekulindeleke ubenzima eParis.

Image: Springboks

Ayiphose ngemva yonke into eyenzeke emdlalweni ogqithileyo Amabhokobhoko ngoba aza kujamelana neqela elinamandla emdlalweni onzima kakhulu ngempelaveki.

Oku kuza kwenzeka xa uMzantsi Afrika uswantsulisana neFrance emdlalweni wovavanyo oza kube ubanjelwe eParis ngentsimbi yeshumi ebusuku ngoMgqibelo. Ngumdlalo ekulindeleke ukuba kudlane iintsimbi ngoba kudibana oomakadezondana abasoloko benxanelwe ukuqhuba kakuhle embhoxweni wehlabathi.

Noxa uMzantsi Afrika usiya emdlalweni olandelayo ukhuthazekile emva kokubethela oogqirha nezicaka iJapan kwiveki ephelileyo - kodwa izinto ziza kwahluka kancinci xa kudibana ooxholovane embhoxweni.

Kodwa eyona nto eza kwenza umdlalo uthi chatha kukuba iFrance yakhutshwa nguMzantsi Afrika kwitumente yehlabathi ngo2023 phambi kwabalandeli bayo. Amabhokobhoko abuyela eParis - apho iFrance iza kusebenzela ukubuyisa isixhiba.

Isekela lomqeqeshi weSpringbok, uFelix Jones, uvumile ukuba kufuneka baye emdlalweni bezilungiselele ngokupheleleyo. "Siyonwaba oko xa silapha eFrance. Sineenkumbulo ezintle zeminyaka edlulileyo eziquka nomdlalo esabethwa kuwo ngo2022 owawuseMarseille," utshilo uJones ekuqaleni kwale veki.

Uyazi ukuba umdlalo ozayo uza kubanalo ifuthe lokwenzeke kwitumente yehlabathi edlulileyo. "Okwenzeka ngo2023 kwakukuhle kuthi - kodwa lo nto yegqitha. Andazi nokuba iFrance iza kuzama ukubuyisa isixhiba na kulo mdlalo esiya kuwo. Kodwa ndingatsho ukuba ikhona into abaza kufuna ukuyilungisa abangazange bayenze kakuhle ngo2023," utshilo uJones ethetha neentatheli.

Emva kokuba iFrance iphumelele indebe yeSix Nations, ukudlala noMzantsi Afrika kubonwa njengeyona nto enkulu kakhulu ngenxa yembali yala mazwe mabini. "Andikwazi ukuthi ngoyena mdlalo wovavanyo omkhulu lo kutyelelo lethu eYurophu ngoba sinemidlalo emikhulu esiyidlale neAustralia neNew Zealand ekhaya.

"Siseza kudibana ne-Italy, Ireland neWales emva kweFrance. Ubalulekile kuthi wonke umdlalo esiwudlalayo noxa ndiqonda ukuba kukho uchatha kulo umdlalo ngenxa yomdlalo wangaphambili," utshilo uJones.