Ezemidlalo

iSundowns izibethele ifokofoko kwiCAF Champions League

Pedro Mapelo|Published

IMamelodi Sundowns idlulele phambili kwiCAF Champions League kwakhona.

Image: Mamelodi Sundowns

Iqinisekise indawo yayo iMamelodi Sundowns kumjikelo olandelayo weCAF Champions League emva kokuphumelela kwakhona. Oku kwenzeke emva kokuba iSundowns izibethele iRemo Stars yaseNigeria emdlalweni obubanjelwe eLoftus Stadium namhlanje emalanga ePitoli.

Khange kube nzima kwiSundowns ngoba ingene emdlalweni wanamhlanje ihamba phambili kakhulu emva kokuba icambalalise iRemo Stars ngamagowuli amahlanu kwelinye kwiveki ephelileyo. Nangona bekunjalo, iSundowns idlalele ukuphumelela nanamhlanje.

UDenis Onyango ukhokele iSundowns endaweno kaRonwen Williams obengekho. Emzuzwini wamashumi amabini kwisigaba sokuqala, uNuno Santos ufake igowuli lokuqala emdlalweni.

Kuthe xa kuphela ixesha kwisigaba sokuqala, uPeter Shalulile ufake igowuli lesini yagqiba iSundowns ebethwe emdlalweni wokugqibela yiPyramids kwisizini edlulileyo.

Kwelinye icala, yona i'Orlando Pirates ayikwazanga ukuya phambili kwiCAF Champions noxa iphumelele ngamagowuli amathathu ngoba ibethwe yiSaint Eloi Lupopo kwiipenela izolo.

Emdlalweni wokuqala ibuye ibethwe ngo'3-0 kwiveki ephelileyo. Lo nto ibenalo ifuthe emdlalweni elwelileyo kakhulu kuwo eSoweto. IChiefs neStellenbosch zidlulele phambili kwiCAF Confederation Cup emva kokuphumelela namhlanje emalanga.