Ezemidlalo

iStellenbosch ivuthulule i15 de Agosto ngemvula yamagowuli

Pedro Mapelo|Published

iStellenbosch ivuthulule i15 Agosto de Akonibe emdlalweni weCAF Confederation Cup namhlanje eKapa.

Image: Stellies

Ibuyela kowayo i15 de Agosto de Akonibe ibokoboko amacala. Emdlalweni wesibini weCAF Confederation Cup namhlanje eKapa, iStellenbosch FC iyingombe ngemvula yamagowuli amane kwelinye yatsho yadlulela kumjikelo olandelayo.

Lo mdlalo ulandela obukwiveki ephelileyo ophele amaqela omabini ebambene ngeqanda. Bekunyanzelekile kekabe ukuba iStellenbosch iphumelele phambi kwabalandeli bayo ukuze ikwazile ukuya phambili. Kwenzekile oko ngoba ikwazile ukufumana amagowuli amane emdlalweni.

Kunyuke izibilini kwangoko emdlalweni ngethuba ibhola yeqela ebelindwendwele ibetha epalini. Ikhawuleze yaphendula iStellenbosch ngebhola ebikhatywe nguSanele Barns. Ngelishwa ibhabhe phezulu - kodwa uThato Khiba uyibeke endaweni entle iStellenbosch ngegowuli.

Kwisigaba sesibini, uBarns ufake igowuli lesibini kwathi qabu kuSteve Barker. Ulandele ngelakhe uAndre De Jong phambi kwelesine elifakwe nguButsaka. Igowuli elifumeneyo iAgosto de Akonibe alenzanga mahluko ngoba umdlalo ubulawulwa yiStellenbosch.

Nayo iChiefs izibethele iAS Simba ngo'3-1 emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe eGauteng. Omabini la maqela aya phambili.