Ezemidlalo

Yoyisakele ilwile iPirates emdlalweni weCAF Champions League

Pedro Mapelo|Published

IPirates ikhutshwe yiSaint Eloi Lupopo emva kokuphosa iipenela emdlalweni weCAF Champions League namhlanje eSoweto.

Image: Facebook

Ayikwazanga ukudlulela kumjikelo olandelayo i'Orlando Pirates emva kokukhutshwa yiSaint Eloi Lupopo. Oku kwenzeke emva kokuba iPirates ibethwe kwiipenela ngo'5-4 emdlalweni weCAF Champions League obutshisa usithi bhe e'Orlando Stadium ngenjikalanga yanamhlanje.

IPirates iye emdlalweni iphantsi koxinizelelo kakhulu ngoba ibethwe ngamagowuli amathathu eqandeni eLubumbashi kwiveki ephelileyo. Abadlali bangene ebaleni befuna into enye: amagowuli amathathu okanye amane ukuze baphumelele.

Bekunzima ekuqaleni kwesiqingatha sokuqala ngoba iSaint Eloi Lupopo ibivale mba emva. Emzuzwini wamashumi amathathu anethoba, uNemtajela utsale intambula erhuqa phantsi kwangcangcazela umnatha. Iye kwixesha lokuphumla ikhuthazekile iPirates emva kokufumana igowuli ebunzimeni.

UMbuthuma ufake igowuli lesibini kwimizuzu embalwa kwisigaba sesibini. Kukhe kwakho umlo kwakhutshwa abadlali bamaqela omabini ngamakhadi abomvu. Nangona bekunjalo, iPirates ilwile yafumana igowuli elifakwe ngu'Oswin Appollis emzuzwini wokugqibela.

Amagowuli amathathu awalinganisile amaqela ngoba nayo iLupopo ibiphumelele ngo'3-0 kowayo. Ngelishwa, iPirates ayikwazanga ukuphumelela kwiipenela emva kokuba emdlalweni ikwazile ukuphumelela ngo'3-0.