Ezemidlalo

'Siyidinga kakhulu inkxaso yabalandeli' - utsho umqeqeshi wePirates!

Pedro Mapelo|Published

UMQEQESHI we'Orlando Pirates uAbdeslam Ouaddou nesekela lakhe uMandla Ncikazi.

Image: BACKPAGEPIX

Umqeqeshi we'Orlando Pirates, uAbdeslam Ouaddou, uhlabe ikhwelo kubalandeli ngelithi mabaphume ngobuninzi bayokuxhasa iqela labo. Oku ukuthethe phambi komdlalo weCAF Champions League obalulekileyo phakathi kwePirates neSaint Eloi Lupopo emalanga namhlanje e'Orlando Stadium, eSoweto.

IPirates iya emdlalweni ikhuthazekile emva kokuba iguqise phantsi iPolokwane City elushica ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obunzima ebusuku ngoLwesithathu wale veki eSoweto.

Kunyanzelekile ilwele ukufaka amagowuli amane emdlalweni wanamhlanje iPirates ngoba yavuthululwa ngamagowuli amathathu eqandeni eDemocratic Republic of Congo kwiveki ephelileyo.

Iza kunyuka umnqantsa - kodwa (iPirates) inethemba lokuguqula izinto phambi kwabalandeli nasebaleni eliqhelileyo kuneliya linguzenzele edlale kulo eLubumbashi. Emva kokuthezela emnxebeni emdlalweni odlulileyo, umsebenzi weSaint Eloi Lupopo awunzimanga ngoku.

Okwayo kukuvala amazibuko ngoba ihamba phambili. Umqeqeshi wePirates unethemba lokuba inkxaso yabalandeli iya kuba luncedo olukhulu xa abadlali bakhe bedlala namhlanje. "Siyidinga kakhulu inkxaso yabalandeli," utshilo uSuperSport TV emva komdlalo kule veki.

"Umdlalo ofana nalo esiya kuwo udinga inkxaso yabalandeli. Ndinethemba lokuba baza kuligcwalisa ibala ngoba sidinga inkuthazo yabo. Ngumdlalo obalulekileyo kwimbali yePirates. Sidinga amagowuli amane ukuze siphumelele. Soze ibe ngumsebenzi olula lowo - kodwa siza kuzilungiselela," utshilo uAbdeslam.

Ukubethwa kwePirates ngamagowuli amaninzi kubothusile abantu abaninzi ngoba iqhuba kakuhle kule sizini. Abaqeqeshi basebenzise abadlali abangaqhelanga ukudlala emdlalweni obuphakathi evekini kuba befuna bonke abadlali balungele ukuya emfazweni enamhlanje emalanga.

"Sinabadlali abasincedayo siphumelele umdlalo wosuku - kodwa sinabadlali abaninzi abasincedayo kwimidlalo yeendebe. Sonwabile kakhulu ngoba badlala ngokuzimisela okukhulu," utshilo umqeqeshi.