Ezemidlalo

IKaizer Chiefs igxeleshe impumelelo xa isamkela iAS Simba ngempelaveki

Pedro Mapelo|Published

Amakhosi abambene ngeqanda neAS Simba emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe eLubumbashi ngempelaveki egqithileyo.

Image: KC/WhatsApp

Emva kokubuyela ekhaya iqengqa inqaku elinye, iKaizer Chiefs izimisele ukuwuphumelela umdlalo wesibini ngempelaveki. Oku kulandela emva kokuba ibambene neAS Simba ngeqanda emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe eTP Mazembe Stadium, eLubumbashi, eDemocratic Republic of Congo, ngoMgqibelo odlulileyo.

Emdlalweni wesibini, kunyanzelekile iphumelele iChiefs okanye naliphi iqela ukuze likwazi ukuya kwisigaba esilandelayo seCAF Confederation Cup esondela kuvuthondaba. Amakhosi aye eDemocratic Republic of Congo ezingela impumelelo enowanika amanqaku amathathu kodwa ibuye nelinye.

Oyisakele ukwenza lo nto ngoba akakwazanga ukuwasebenzisa amathuba emdlalweni. Okunye okubalulwe nguKhalil Ben Youssef kukudlala nzima kwabadlali bakhe kwibala elingenangca elisetyenziswe emdlalweni odlulileyo.

Kwelinye icala, bekubalulekile kwiChiefs ukuvala kungafakwa gowuli kuyo ngoba lo nto ibiza kongeza iingxaki eza kujongana nazo emdlalweni oza kube useDobsonville Stadium emalanga ngoMgqibelo.

Emva komdlalo, umqeqeshi uthe iChiefs ayibanganalo ithamsanqa lokufumana igowuli ngoba amathuba ebekhona. "Besijamelene neengxaki ezimbini: ibala elibi neqela elizimiseleyo esidlale nalo," utshilo uKhalil Ben Youssef emva komdlalo obungavezwanga kumabonakude.

"Abadlali bethu siyabalungeselela imidlalo esijongana nayo. Siyabazi ubunzima bayo. Ngeke udlale into ebhadlileyo kwibala elinje. Besikhabela phambili ibhola ngoba bekunzima ukudlala kwibala elingenayo ingca," utshilo umqeqeshi.

Kwisigaba sesibini somdlalo, abaqeqeshi bafake uMduduzi Shabalala, Ashley Du Preez noWandile Duba ngoba bebefuna ukunika amandla iChiefs xa isiya phambili. UKhanyisa Mayo ukhabe ibhola entle enqandwe yipali. Kodwa yena uDu Preez akakwazanga ukuvalela ibhola emnatheni ungenamntu emva kokudlalelwa ibhola entle.

"Besinawo amathuba kodwa ngelishwa asifumananga nto. Sikwazile ukwenza umsebenzi wethu. Ngoku siza kulungiselela umdlalo ozayo. Sizimisele ukuba liqela lokuqala eliya kumjikelo olandelayo," utshilo uBen Youssef.