UGayton McKenzie ufuna iSafa imohlwaye umntu ongazange aqaphele ukuba uTeboho Mokoena wafumana amakhadi amabini.
Image: Facebook
USihlalo weSouth African Football Association (Safa), uDanny Jordaan, uthi into yekhadi elityheli elaphantse lamosha uMzantsi Afrika iphoswe kwelokulibala ngoku.
Oku ukuthethe emva kokuba aBafana Bafana bebethe iRwanda ngamagowuli amathathu eqandeni batsho bazibekela indawo kwiFIFA World Cup ekunyaka ozayo. Kwiiveki ezidlulileyo, uMzantsi Afrika uye wathathelwa amanqaku amathathu yiFIFA iphezulu kuGroup C ngenxa yokuba yadlalisa uTeboho Mokoena enamakhadi amabini atyheli.
Kwakungafanelekanga ukuba wadlalisiwa. Umqeqeshi weqela lesizwe, uHugo Broos, wayivuma loo mpazamo - kodwa wathi ngeke kugxekwe umntu omnye ngempazamo eyenzekayo. Abantu abaninzi bathi umphathi weqela lesizwe, uVincent Tseka, makohlwaywe ngethuba bekusazanywa indlela eya kwitumente yehlabathi.
Emva kokuba aBafana Bafana bekwazile ukubuyela kwiFIFA World Cup abayigqibela ngonyaka ka2010 eyayibanjelwe apha eMzantsi Afrika, uJordaa uthe iingqondo zabo bazibeke kwitumente yehlabathi.
"Siya kwitumente yehlabathi, umba wekhadi uvaliwe," utshilo uJordaan ethetha kumabonakude. "Asisenawo umdla kwinto yekhadi likaMokoena ngoba siyifumene indawo kwiWorld Cup ezayo. Izinto eziphambi kwethu ngoku yiAfrica Cup of Nations neWorld Cup.
"Umqeqeshi wanixelela ukuba sijonge iitumente ezizayo," utshilo uJordaan. Ngaphambili, iSafa yayithe iza kubhena - kodwa kukhangeleka ngathi ayisenawo umdla kuleyo into ngoku.
Yena uMphathiswa weZemidlalo, uGayton McKenzie, ubhalele iSafa ngelithi mayimxelele eza kwenza ngenxaki eyadalwa likhadi likaMokoena. Yinto engafaka uMzantsi Afrika engxakini ukuba uMcKenzie akalibuyisi unyawo kwizinto zeSafa ngoba iFIFA ayilamkeli ungenelelo lukaRhulumente ezintweni zebhola ekhatywayo.
Akucaci kakuhle ukuba uza kuphelela phi lo mba uxhokonkxwa nguMcKenzie omane efaka impumlo yakhe ezintweni zebhola ekhatywayo.