uOswin Appollis, ovutha othi bhe, uza kunceda i'Orlando Pirates emdlalweni weCAF Champions League kwakhona.
Image: OP/Facebook
Emva kokuthi khebevu iveki, amaqela ebhola ekhatywayo abuyela enkomeni ngempelaveki. Amaqela aphambili eMzantsi Afrika aza kuntingela eDemocratic Republic of Congo - apho ayokudlala imidlalo eyahlukeneyo phantsi kweCAF.
Umdlalo weCAF Champins League oza kube ujongwe ngamehlo abomvu ngabantu baseMzantsi Afrika ngophakathi kwe'Orlando Pirates neqela ekuthiwa yiFC Saint Eloi Lupopo emalanga (15:00) ngeCawa. Izangxa zaseSoweto ziya eLibumbashi zifuna into enye: ukuphumelela umdlalo zibuyele ekhaya sifumbethe into.
Emva kokuvuthulula iLioli yaseLesotho ngamagowuli asixhenxe emidlalweni emibini kwiivekiezidlulileyo, iPirates isingisa eDemocratic Republic of Congo ikhuthazekile. Kodwa kweli ityeli, okucacileyo kukuba iza kunyuka umnqantsa xa idibana neFC Saint Eloi Lupopo phambi kwabalandeli bayo.
Liqela elidlala kakuhle futhi elinethuba elide lidlala imidlalo yeChampions League. ULuc Eymael, ongumqeqeshi weChippa United, uxelele iSoccer Laduma ukuba iPirates mayilindele umdlalo onzima ngoba iLupopo iyadlala.
"Endingakutsho kukuba iza kusokola iPirates. Ibala liza kugcwala lithi qhu abalandeli futhi nebala ayilolengca," utshilo uEymael.
"Ayingobalandeli kuphela abaza kudala ingxaki, yintshisakalo nebala eziza kuyisokolisa iPirates. ILupopo inabadlali abadlala kakuhle kakhulu. Okuhle kukuba ikwazile ukubagcina abadlali abaninzi.
"Idlala kakuhle esiswini kanti nasemva inabadlali abomeleleyo. Abalandeli bayakwazi ukulinika amandla iqela labo ngenkuthazo phaya," utshilo uEymael. Kodwa iPirates iya iqhuba kakuhle emva kokuphakamisa iMTN8 kwinyanga ephelileyo. Ukuphumelela okanye ibuye nenqaku elinye, yinto engayivuyela iPirates.