Vela Khumalo UVela Khumalo akonwabanga ngenxa yokubhitya kwamalungiselelo waMajimbosi.
Image: Backpagepix
Njengokuba abantu baseMzantsi Afrika besavuyela aBafana Bafana abazibekele indawo kwi2026 FIFA World Cup emva kokuvuthulula iRwanda ngamagowuli amathathu, yena umqeqeshi waMajimbosi akonwabanga kwaphela.
UVela Khumalo ukhange ngokubhitya kwamalungiselelo weqela lakhe phambi kwetumente yehlabathi (FIFA Under-17 World Cup) eqala kwinyanga ezayo. Amajimbosi athelekiswe neQatar, Italy neBolivia kuGroup A ekunyanzelekileyo elwele ukuya kumjikelo olandelayo okungenani.
Ingxaki kaKhumalo ngoku kukuba akukho midlalo yobuhlobo ecwangcisiweyo enokuthi incede amakhwenkwe wakhe phambi kweyona tumente enkulu ehlabathini lonke.
Emva kokuba Amajita ephume kumjikelo wesibini kwiFIFA Under-20 World Cup kutshanje, kunyanzelekile nawo Amajimbosi asebenzele ukuphakamisa igama loMzantsi Afrika phakathi kwezinye izizwe.
UMzantsi Afrika uza kuthathana neBolivia emdlalweni wokuqala ngomhla wesithathu kwinyanga yeNkanga. "Asinalo ixesha ngoku. Kufanele siqale amalungiselelo ngokukhawuleza," utshilo uKhumalo ethetha neentatheli.
Ukungalungiselelwa kwaMajimbosi bobunye ubuqhitala obuboniswa yiSouth African Football Association ebeke iliso layo kuBafana Bafana nakuBanyana Banyana kuphela. "Sagqibela ukudlala neNamibia kwinyanga yeKhala. Asikanikwa imidlalo esiza kuyidlala nendawo esiza kuzilungiselela kuyo," utshilo umqeqeshi.