UTozie Jompolo Ndude yimbaleki yakuGatyane ebaleka imidyarho yeembaleki emikhulu eMzantsi Afrika.
Image: Facebook
Imbaleki yakuGatyane, uTozie Jompolo Ndude, ayizimiselanga ukunikezela noxa kunzima. UJompolo, owaqala ukubaleka ngo2017 esokoliswa ziingxaki zobomi, usendleleni eya eKapa - apho aza kuthatha inxaxheba khona kwiCape Town Sanlam Marathon eza kube ingentseni yangeCawa.
Kubaluleke kakhulu ukuqhuba kakuhle kwakhe kugqatso aya kulo ngempelaveki ngoba lulona eliza kumnika ithuba lokubuyela kwiComrades Marathon ekukhuphisana kuyo iimbaleki eziphambili nezisuka kumazwe ehlabathi.
"Ukubaleka kubaluleke kakhulu kum ngoba kundinika ukuphumla ebomini bam," utshilo uTozie phambi kokuthatha uhambo oluya eKapa. Inenekazi lakuGatyane lithi iingxaki zalo zaphunguleka ngomhla elaqala ngawo ukubaleka.
"Ukubaleka kum yipilisi, liyeza kwaye ngoku bubomi kum. Bendigqiba iminyaka eyi46 kwinyanga ephelileyo kwaye ndisafuna ungenela ukhuphiswano labangaphezulu kwe50 eminyakeni emine ezayo," utshilo encokola nentatheli yeli phephandaba.
UNdude uqhube kakuhle emidyarhweni yeembaleki emikhulu kulo nyaka. Ngoku usebenzela unyaka ozayo ngoba ufuna ukugcina umgangatho wakhe uphezulu. "Kule mpelaveki ndiza kubaleka iCape Town Sanlam Marathon. Kum ngumdyarho obaluekileyo kakhulu.
"Lo ngomnye wemidyarho emikhulu ebomini bam endingena ngayo kwiComrades Marathon. Kunzima kakhulu ukuyibaleka iSanlam Marathon ngoba kufuneka ukwazi ukumelana neqhina elixikixa amandla wembaleki emzimbeni nasengqondweni," utshilo uTozie.
Nangona esenza into ayithandayo, uNdude ukhala kakhulu ngokhuseleko ngoba nguye yedwa inenekazi elibaleka kumgangatho ophezulu. Azikho iindawo zokujimela kwaye kuyingozi nokubaleka eyedwa endleleni.
"Ndijima ndiphantsi koxinzelelo olukhulu ngenxa yemingeni yendawo endihlala kuyo. Umzekelo ndim ndodwa inenekazi elibalekayo. Ngoku yenza kube nzima ukujima ngoba azikho ezinye iimbaleki endingajima nazo.
"Ubundlobongela buphezulu, andikwazi ukusebenzisa indawo kamasipala ngoba kuthiwa yenzelwe abantwana besikolo abayisebenzisa kanye ngonyaka," utshilo uNdude othubeleza kulwaphulomthetho kuGatyane.