Ezemidlalo

Akanamazwi uHugo Broos obuyisele aBafana Bafana kwitumente yehlabathi

Pedro Mapelo|Published

UHugo Broos ebhiyoza nabadlali bakhe emva kokuba aBafana Bafana bebethe iRwanda batsho bafumana indawo kwitumente yehlabathi ezayo.

Image: Independent Media

Kugquba umoya wolonwabo kwiikona zonke zoMzantsi Afrika. Oku kulandela emva kokuba aBafana Bafana bebethe iRwanda ngo'3-0 emdlalweni obuseMbombela Stadium, eNelspruit, kubusuku bangoLwesibini wale veki.

Ukuphumelela kwabo aBafana Bafana kuthethe ukuthi baya ngqo kwi2026 FIFA World Cup emva kokuba iNigeria ingombe ngamagowuli amane eqandeni iBenin ebikade ihleli kwindawo yokuqala phambi kwemidlalo yale veki. Khange akwazi ukuchaza indlela aziva ngayo uHugo Broos emva komdlalo.

Emva kokuthatha uxanduva lokuqeqesha uMzantsi Afrika, le ndedeba yaseBelgium yathi zimbini izinto ezifunayo: kukubuyisela aBafana Bafana kwiAfrica Cup of Nations nakwiNdebe yeHlabathi. Zombini zenzekile ezo zinto kwade kwakho nebhasela ngaphezulu.

Njengokuba eza kubeka phantsi ebholeni kunyaka ozayo, umqeqeshi wathi liphupha lakhe ukubeka phantsi kwitumente yehlabathi awayigqibela esengumdlali. Nangona iNigeria incedisile - kodwa aBafana Bafana badlale ngendlela encumisayo kakhulu emdlalweni wokugqibela obuhlahla indlela eya kwitumente yehlabathi.

"Kumnandi kakhulu. Besisazi ukuba singayenza le nto ngoba sizithembile. Uyibonile indlela esidlale ngayo neRwanda ukusukela ekuqaleni," utshilo uBroos echwayitile.

Bebedanile abantu abaninzi emva kokuba uMzantsi Afrika ungakwazanga ukubetha iZimbabwe kwiveki ephelileyo eThekwini - kodwa uBroos wathi ngeke alilahle ithemba ngoba iBenin ngeke iyibetha iNigeria esalwela ukuya kwiFIFA World Cup kunyaka ozayo.

"INigeria yenze ebekufanele ikwenze kwiBenin, nathi senza okwethu ukuze siye kwitumente yehlabathi," utshilo uBroos owagqibela kuyo ngo1986 engumdlali weBelgium.

Emva kokwenza umsebenzi wakhe, uBroos uthe: "Andinawo amazwi okuchaza indlela endiziva ngayo. Ndayeka ukudlala ibhola ekhatywayo kwitumente yehlabathi. Ngoku ndiza kuyeka ukuba ngumqeqeshi kwitumente yehlabathi.

"Iqela lesizwe liqhuba kakuhle ngenxa yomsebenzi esiwenze kwiminyaka emithathu egqithileyo. Ikamva lebhola eMzantsi Afrika liqaqambile. Masiqhube kakuhle kwiAFCON emva koko siye eMelika."

UMzantsi Afrika wagqibela ukudlala kwiWorld Cup ngonyaka ka2010.