Ezemidlalo

Kuza kudlana iintsimbi kwakhona kwiBrutten ngempelaveki

Pedro Mapelo|Published

Amaqela ombhoxo amabini, iFB United neBuffs, eswantsulisana emdlalweni weBrutten 10 obuseSisa Dukashe Stadium.

Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa

Emva kokuthi khebevu iiveki ezimbini, amaqela abuye enamandla ngakumbi kwiBrutten 10. Oku kubonakele kwindlela adlale ngayo kwimpelaveki egqithileyo eSisa Dukashe Stadium. Umntu obengekho uphosiwe ngoba amaqela adlale kakuhle kakhulu.

Kugabule izigcawu iYoung Leopards neBerlin Tigers. Bekunyanzelekile ukuba iBerlin Tigers iphumelele ngoba ibisakhangela impumelelo yayo yokuqala kule sizini. Kodwa ngelishwa layo, iye yatywatyushwa ngo'45-13 emdlalweni wesibini wamaqela omabini kwiBrutten.

Kanti emdlalweni wesibini, iWSU Eagles iphuncule umdlalo usesandleni sayo. Oku kwenzeke emva kokuba iEagles iyeke iProgress yabuya emdlalweni ophele amaqela ebambene ngo'19-19. Umdlalo utake iintlantsi usaqala.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iEagles ihamba phambili ngamanqaku angaphezulu kweshumi. Izinto ziye zajika ngethuba iProgress izijula kwiWSU Eagles ebihamba phambili ngo'19-3. Ilele emgceni yaze yaziqabelisa ezinye iibhola zayo kwisigaba sesibini ngendlela emangalisayo iProgress kwisigaba sesibini ngendlela encomekayo.

Omnye umdlalo obusemgangathweni ophezulu ngobuphakathi kweFB neBuffs. Iphumelele ngo'30-22 iFB United yatsho yahlala phezulu kwiPool A. Umdlalo wosuku khange ubaphoxe abalandeli bombhoxo eMdantsane.

Iphumelele ngo'33-17 iWSU All Blacks – kodwa isokolisiwe yiRising Stars eqalayo kule sizini ukudlala kwiBrutten 10. Kulindeleke ukuba kudlane iintsimbi ngoMgqibelo xa iFB United, ehleli phezulu, idibana neProgress esatsala nzima. Iqela laseKomani liza kube lisakhangela impumelelo yalo yokuqala.

Nayo iWSU Eagles, engekaphumeleli, iza kuzama ukubetha iKomga United ewuphumeleleyo umdlalo wayo ogqithileyo. Yona iYoung Leopards, eyiphumelele yonke imidlalo yayo, iza kudibana etshatshalazeni neRising Stars eyingozi kakhulu. Iqela laseKwelerha liya emdlalweni wesine lisaphumelele kanye.

Kunyanzelekile iphumelele iRising Stars ukuze iphucule indawo yayo. Kwakhona abantu abaninzi baza kubeka iliso labo kwiWSU All Blacks xa ithathana nePolice emdlalweni wokugqibela eSisa Dukashe Stadium emalanga ngoMgqibelo. Kulindeleke ukuba iWSU ibethelele indawo yayo phezulu kwakhona ngoba ayikabinayo intanga kule sizini kwiBrutten.