UNtomboncedo Masongo yimbaleki yaseNgqeleni eyaziwayo - kodwa ebalekela uMthatha Athletic Club.
Image: Uthunyelwe
Ivakalise uvuyo olukhulu imbaleki yaseNgqeleni emva kokuzuza impumelelo ebalulekileyo kutshanje. Oku kwenzeke emva kokuba uNtomboncedo Masongo eziqhumisele ngothuli iimbaleki abekhuphisana nazo waphumelela iKomani Half Marathon ekuqaleni kwale nyanga.
UMasongo, 38, uphumelele emva kokubaleka iyure enemizuzu enamashumi amane (1:41:31). Emva kwakhe kulandele uEffe Mayo wePumpkins oshiywe ngomzuzu omnye (1:42:31). Indawo yesithathu ibanjwe nguNolundi Majeke weBalekani Athletic Club obaleke iyure nemizuzu engamashumi amane (1:45:00).
Lo ngumsebenzi omkhulu kuMasongo oyimbaleki yaseZixambuzi enesicwangciso sokuqhuba kakuhle emidyarhweni yeembaleki ezayo phambi kokuphela kwalo nyaka. "Bekumnandi ukuphumelela," utshilo uMasongo encokola nentatheli yeli phephandaba.
Okuhle ngokuphumelela kwakhe kukuba ngoku ufumene inkuthazo nentlonipho emfaneleyo koogxa bakhe. UMasongo uzimisele ukuyibeka ecaleni ngokukhawuleza eyenzekileyo ngoba ulungiselela ukulwela ukuphumelela umdyarho oququzelelwa yiCheaters Athletic Club nomnye oququzelelwa yiBalekani Athletic Club engumgama oyi25km.
Le mbaleki yoMthatha Athletic Club ithi iliso layo lisemidyarhweni elandelayo ngoba izimisele ukwenza umsebenzi oncomekayo emidyarhweni emibini ukuze kufunquke isakhono sayo. Ngunyaka obumhle lo kwinenekazi laseNgqeleni.
Kugqatso (42km) athathe inxaxheba kulo uMasongo waye wabamba indawo yesibhozo kwidolophi awazalelwa kuyo. Akuphelelanga apho ngoba uqhube kakuhle kwiEast London Marathon nakwiMasters Marathon ezithi zitsale kakhulu iimbaleki ezingooxholovane ephondweni nezezinye iindawo.
"Emva kokuqhuba kakuhle kwam kwiKomani Half Marathon, ndiye ndanomdla kakhulu. Ndilungiselela ukubaleka imigama emide kunalo ndisuka kuwo futhi ndizimisele," utshilo uMasongo ozimisele ukuya kwiComrades Marathon ngonyaka ka2027.