Ezemidlalo

IChippa United idibana neMarumo Gallants emdlalweni weBetway Premiership

Pedro Mapelo|Published

UAyabulela Khonqobe uza kuba ngomnye wabadlali abaza kunceda iChippa United xa idibana neMarumo Gallants emdlalweni weBetway Premiership ngempelaveki.

Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa

Emva kwekhefu elithathe iiveki ezimbini ngenxa yemidlalo yamazwe ngamazwe, amaqela adlala kwiBetway Premiership abuyela enkomeni ngempelaveki.

Iqela laseMpuma Koloni, iChippa United, liza kudibana neMarumo Gallants emdlalweni weBetway Premiership ekulindekele ukuba utshise eDr Molema Stadium, eBloemfontein, ngo17:30 ngeCawa.

Omabini amaqela asebenzela ukuya emdlalweni ezilungiselele ngokupheleleyo ngoba isizini ingene kwinqanaba lokucutha iimpazamo nokuqokelela amanqaku apheleleyo.

IChippa United, eqeqeshwa nguLuc Eymael, iya emdlalweni iqhwalela kakhulu emva kokuba ivuthululwe ngomwasalala wamagowuli amane kwelinye yiRichards Bay emdlalweni weCarling Knockout Cup obuseRichards Bay Stadium ekuqaleni kule nyanga.

Oku kwenzeke emva kokuba iChippa idlale ngokulingana neSekhukhune United neStellenbosch FC ngokulandelelana emidlalweni weBetway Premiership. Kule sizini, emidlalweni elithoba eyidlalileyo iChippa, iphumelele wamnye kuphela. Seso sizathu esibangela ukuba ihlale emsileni kwiBetway Premiership.

Idibana neMarumo Gallants ekhuthazekileyo emva kokuba ibethe iSiwelele FC emdlalweni weCufa Cup obukwiveki ephelileyo. Njengokuba ihleli kwindawo yeshumi elinanye, iza kuzama ukuphumelela ngempelaveki ukuze inyukele endaweni ebhetele.

Emdlalweni wokugqibela weBetway Premiership, iqela lizinze eBloemfontein libethwe yiSiwelele FC ngo'1-0 edabini lobukhaya. Kanti phambi koko, iMarumo Gallants ibibambene neKaizer Chiefs ngegowuli. Nakanjani iMarumo iza kuya emdlalweni ifuna amanqaku apheleleyo.

Ukududa ndawonye kweChippa yimiphumela yokungahambi kakuhle kwezinto ekuqaleni kwesizini. Emidlalweni elithoba eyidlalileyo kule sizini, iChippa iqeqeshwe ngabaqeqeshi abathathu. ULuc Eymael, oxhuzula imikhala ngoku, ungene endaweni kaMusa Nyatama owayebanjiswe emva kokugxothwa kukaSinethemba Badela.

Phantsi kwakhe uEymael, akukabikho inkqubela ngoba iChippa United iphumelele umdlalo omnye kuphela. Nangona inengxaki yokungabikho kwefolosi efaka amagowuli – kodwa nomdlalo wayo awucacanga.