ULuyolo Ngcongolo ugoduke ephethe emva kokuphumelela eKomani.
Image: Uthunyelwe
Ayiwuvali umlomo imbaleki yaseKomani emva kokuba ibethe iintaka ezimbini ngelitye elinye. ULuyolo Ngcongolo, 25, ugqugqise emdyarhweni obuseQonce waze emva koko wavala iveki ngokuphuma phambili kwiKomani Half Marathon (21km) ngentsasa yeCawa edlulileyo.
Ngumsebenzi omkhulu ogqamise ukuzimisela kwakhe uNgcongolo obephumelela okwesibini kwimidyarho yomibini. Ithetha neli phephandaba kule veki, le mbaleki yaseKomani ivakalise uchulumanco olukhulu emva kweyona veki ebintle kubomi bayo njengembaleki.
"Ndivuya kakhulu emva kokuphumelela kwam eKomani. Eyona nto eyenza kube mnandi ngakumbi kukuba ndibaleke eKomani ndibuya komnye umdyarho weembaleki endiphumeleleyo nakuwo eQonce," utshilo uNgcongolo obalekela iPowered Up Runners Athletic Club.
Akohlukanga kwiimbaleki ezininzi ezilalini eziswele izixhobo zokuzilolonga - kodwa ngoba ukubaleka yinto ayithandayo futhi anentshisakalo yayo, uKhalazome (isiteketiso) ubhityela ebhulukhweni esiya phambili ngoba umtsi ngamnye awenzayo umnika ithemba lengomso elibhetele.
Emva kokuqhumisela ngothuli iimbaleki zaseMpuma Koloni kugqatso aluphumelele ngokubaleka iyure enemizuzu elishumi elinanye (1:11:01), uKhalazome ulungiselela ukuya eKapa - apho azimisele ukulwela indawo ebhetele khona.
"Ugqatso endijongene nalo ngoku yiCape Town Marathon kule nyanga. Iphupha lam kukuqhuba kakuhle ngoba ndisebenzela ukuchongwa ukuze nam ndikwazi ukukhuphisana nezinye iimbaleki kwamanye amazwe," utshilo uNgcongolo obulele usapho lakwaNtingiso olumane limxhasa.
Abanye abaphumeleleyo emadodeni ibe nguNkululeko Lekhoehla weKomani Runners Club obambe indawo yesibini kwi21km neMasixole Xayiya weHavenhills. Kumanenekazi kuphumelele uNtomboncedo Masango obalekela uMthatha Athletics Club, uEffe Mayo noNolundi Majeke weAthletics Club.