Growing stature: UMbekezeli Mbokazi uncede i''Orlando Pirates ebethe iSiwelele FC emdlalweni weCarling Knockout Cup.
Image: Itumeleng English Independent Media
Idlulele kumjikelo i'Orlando Pirates emva kokuphumelela emizuzwini yokugqibela. Oku kwenzeke emva kokuba Ezimnyama zibethe iSiwelele FC ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weCarling Knockout Cup obushushu ngeyona ndlela e'Orlando Stadium namhlanje emalanga.
Igowuli ephumelele ngalo iPirates lithe gqi emizuzwini wamashumi asibhozo anethoba noMbekezeli Mbokazi okhabe intambula yebhola ethe qelele kunozinti weSiwelele FC ove ngentswahla yabalandeli abebezalise ibala njengesiqhelo.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. Ebekhona amathuba okufaka amagowuli - kodwa akasetyenziswanga. Emzuzwini wesihlanu kwisigaba sokuqala, iPirates ifumene ipenela - kodwa ngelishwa layo uEvidence Makgopa akakwazanga ukuyibeka emnatheni.
UCristian Saile ukhe wafumana ithuba lokubeka iSiwelele endaweni entle - kodwa ukhethe ukukhaba ibhola engenamandla endaweni yokunikela ugxa wakhe. UMbokazi uyikhulule iPirates sekubonakala ukuba umdlalo uza kuphela kungekho gowuli ebhodini.
Nangona iSiwelele FC iguqiswe phantsi yiPirates emdlalweni wanamhlanje, yena uLehlohonolo Seema uza kubuyela eBloemfontein encumile ngoba iqela lakhe likwazile ukulwa kwade kwase kugqibeleni. Naye kwelakhe icala uAbdeslam Ouaddou uzamkele ngovuyo iziphumo zomdlalo.
Ubancomile abadlali bakhe kodwa wavuma ukuba iSiwelele FC ibilushica emdlalweni obusemgangathweni ophezulu. Amaqela aza kuthi khebevu okwethutyana ngenxa yemidlalo yamazwe ngamazwe ekwiveki ezayo.