Ezemidlalo

UCedric Kaze uvula isifuba ngokwenziwe nguKhanyisa Mayo

Pedro Mapelo|Published

UCedric Kaze ethetha neentatheli phambi komdlalo weCarling Knockout oza kube useKapa ngomso.

Image: Itumeleng English/ Independent Newspapers

UKhanyisa Mayo ofike wabethelela igama lakhe ezintliziyweni zabalandeli ngegowuli emdlalweni wakhe wokuqala kule veki ebetshabhile kule veki ngenxa yesenzo esiyiqhokre kabuhlungu iKaizer Chiefs.

Emdlalweni obuphakathi kule veki, uMayo uthinte ibhola ebikhatywe nguPule Mmodi isiya emnatheni kanti ulalele. Umncedisi kasompempe umbhaqile igowuli alabalwa. Abantu abaninzi bashiyeke bedanile ngoba AmaZulu aye abambana neChiefs ebikhe yafumana ipenela ephoswe nguGlody Lilepo.

Okwenzeke emdlalweni kuvimbe iChiefs ithuba lokunyukela phezulu kwiBetway Premiership. Isekelamqeqeshi, iCedric Kaze, umthethelele uMayo ngelithi akayenzanga ngabom la nto. Ngaphezulu koko, uKaze uthe wonke omntu akayithandanga into eyenzekileyo noMayo ubuqu.

"Wonke umntu wayedanile kuquka noMayo owenza impazamo ngala mini," utshilo uKaze ethetha neentatheli. Amakhosi ayiqale kakuhle isizini afe namthanyana akanyukela kwindawo engasentla kuba engakwazanga ukufumana amanqaku amathathu.

"Yaba lilishwa elasiphuca amanqaku amabini. Siza kuthetha ngayo la nto siliqela ngoba wayengazami ukuvimba uMmodi igowuli. UMayo ngumdlali obalulekileyo ngoba usinika into eyahlukileyo ngoba uyakwazi ukusebenzisana nabanye abadlali," utshilo uKaze. Amakhosi kufuneka alibale ngeempazamo zomdlalo weBetway Premiership ogqithileyo.

Emalanga ngeCawa aza kudibana neStellenbosch emdlalweni weCarling Knockout Cup. Nangona amaqela engaqhubi kakuhle omabini - kodwa iStellenbosch iza kulwela ukuyibetha iChiefs ebiyibethile ekuqaleni kwesizini eqhubekayo.