Amabhokobhoko abethe iArgentina emdlalweni obubanjelwe eNgilane namhlanje emalanga.
Image: Springboks
UMzantsi Afrika ubhale iincwadi zembali embhoxweni wehlabathi ngokuphumelela indebe yeCastle Lager Rugby Championship ityeli lesibini iminyaka ilandelelana.
Oku kwenzeke emva kokuba Amabhokobhoko ebethe iArgentina ebikelemile ngo'29-27 emdlalweni ebutshisa bhe eTwickenham, eNgilane, namhlanje emalanga.
Bekunyanzelekile aphumelele Amabhokobhoko emva kokuba iNew Zealand ibethe iAustralia emdlalweni wanamhlanje. Khange kube lula emdlalweni wanamhlanje ngoba iArgentina ibizimisele ukuphumelela.
Iintshatsheli zehlabathi ziye zazicacisa ukuba zinantanga embhoxeni ngokufumana iitrayi ezine zonke emdlalweni. Kuyiwe kwixesha lokuphumla ihamba phambili iArgentina ngoba ibizimisele ukuzishicilela namhlanje iibhokhwe zaseMzantsi Afrika.
Nangona iqela likaRassie Erasmus likhe laphazanyiswa likhadi elityheli likaCanan Moodie - kodwa liye lazama ukuyisukela iArgentina. Izinto ziye zabhetele xa amadoda amakhulu afana noCobus Reinach noMalcolm Marx ethathela kuwo uxanduva lokunceda Amabhokobhoko abesengxakini embi.