Ezemidlalo

Imbethimanqindi yaseMpuma Koloni ifumene amadlelo aluhlaza eGauteng

Pedro Mapelo|Published

UColin Nathan uthembisa ngokumphakamisa uLandile Ngxeke okhangela intshinga yehlabathi.

Image: Uthunyelwe

Ufuduko leembethimanqindi zaseMpuma Koloni lusaqhubela phambili. Oku kucace emva kokuvakala kweendaba ezithi uLandile Ngxeke uzibandakanye nesitali sikaColin Nathan izolo.

Ukuhamba kukaNgxeke akothusanga ncam ngoba iimbethimanqindi ezininzi seziyifulathele iMpuma Koloni ngenxa yokungabikho kakuhle kwamaqithiqithi. Kunyaka ophelileyo, uPhumelela Cafu uwelele kwisitali sikaNathana watsho wayintshatsheli ungaphelanga unyaka.

Naye uNgxeke uncwase ukufumana amathuba amnqabeleyo. Le ntshatsheli yeBantamweight yamkelwe ngezandla ezishushu nguNathan owaziwa lihlabathi lonke ngokuvelisa iintshatsheli.

"Ewe, kunyanisiwe, uLandile usesitalini sam ngoku," utshilo uNathan kwingxelo ekhutshwe izolo kumakhasi onxibelelwano. UNathan uthe unethuba elide emakhele umkhanyo uNgxeke kwaye uqinisekile ukuba angayiyo intshatsheli yehlabathi.

"Kudala ndimlandela emanqindini. Ndicinga ukuba unawo Amandla okuba yintshatsheli yehlabathi ngenye imini," utshilo uNathan oncede inqwaba yeembethimanqindi zaseMpuma Koloni.