Ezemidlalo

IChippa United igxeleshe ukuvuka ngeRichards Bay kwiCarling Cup

Pedro Mapelo|Published

ULuc Eymael unethemba leziphumo ezihle xa iChippa United idibana neRichards Bay emdlalweni weCarling Cup.

Image: Pedro Mapelo

Emva kokungabethwa kweChippa United emidlalweni emibini edlulileyo, uLuc Eymael unethemba leziphumo ezibhetele kwezayo nakubeni isathe folokohlo kwindawo yokugqibela kwiBetway Premiership.

Oku kuvakaliswe ngumqeqeshi emva kokuba iChippa United ibambene ngeqanda neStellenbosch FC emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eBuffalo City Stadium ngeCawa egqithileyo. Ngelishwa layo iChippa United, iziphumo zomdlalo ziyigcine emsileni noxa ilingana ngamanqaku namaqela amathathu angasentla kuyo.

Nangona kunjalo, uLuc Eymael uthi kumnike ithemba ukungabethwa kweqela lakhe emidlalweni emibini egqithileyo kwaye uya emdlalweni olandelayo enethemba. IChippa United intingela KwaZulu-Natal kule veki apho iza kudibana neRichards Bay emdlalweni weCarling Knockout Cup oza kube ungentsimbi yesithathu emalanga ngeCawe, eMhlathuze Stadium.

Ngumdlalo ekulindeleke utake iintlantsi kuba kudibana amaqela angaqhubanga kakuhle emidlalweni edlulileyo. Iyophisa iRichards Bay emva kokubethwa yiMamelodi Sundowns ngo'4-1.

"Siya emdlalweni weCarling Cup singabethwanga emidlalweni emibini. Into efunekayo ngoku emidlalweni yethu kukufaka amagowuli," utshilo uEymael emva komdlalo obuseMonti.

Kulindeleke ukuba umqeqeshi asebenzise umdlalo weCarling Knockout njengeqonga lokwakha ukuzithemba ebadlalini bakhe abangekadibani ncam kule sizini eqhubekayo. ULuc Eymael ufike emva kweziphithiphithi ezikhokelele ekugxothweni kwabaqeqeshi ababini kungaphelanga nemidlalo emihlanu.

IChippa iza kulwela ukuphumelela xa idibana neRichards Bay esophisayo. Komnye umdlalo ngeCawe, iMagesi FC iza kundwendwela AmaZulu emdlalweni oza kube useMoses Mabhida Stadium ngentsimbi yesithandathu ngorhatya.

IMagesi iza kulwela ukuphumelela ngoba iziintshatsheli ezikhuselayo kulo nyaka emva kokuphumelela iCarling Knockout ifika kwinqanaba eliphezulu ebholeni yaseMzantsi Afrika.