UManqoba Mngqithi akafunanga ukuvuya emva kokuba iGolden Arrows ibethe iMamelodi Sundowns izolo eKing Zwelithini Stadium izolo.
Image: Golden Arrows/Facebook
Emva kokubetha iMamelodi Sundowns emdlalweni wayizolo, uManqoba Mngqithi akafunanga ukuyenza nkulu lo nto. Oku ukuvakalise emva kokuba iGolden Arrows iwise iSundowns ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eKing Zwelithini Stadium izolo emalanga.
Yimpumelelo ebafunquleyo Abafana Bes'thende emva kokungaqhubi kakuhle emidlalweni emine yonke ilandelelana. Ulwazi lukaMngqithi ngeSundowns libenalo ifuthe kwindlela edlale ngayo iGolden Arrows izolo. Ukubethwa kwayo iSundowns okokuqala kule sizini kuyivimbe ithuba lokubhukuqala iSekhukhune United ehleli kwindawo yokuqala kwiBetway Premiership.
Kuthe qabu kwiGolden Arrows ehleli kwindawo yeshumi elinane emva kokuqokelela amanqaku alishumi emva kwemidlalalo esibhozo kule sizini eqhubekayo. Igowuli elifakwe nguJunior Dion lilo elincede uManqoba Mngqithi wabetha iSundowns ebesuka kuyo phambi kokubuyela kwiGolden Arrows awaqala kuyo ukuba ngumqeqeshi.
Nangona uMngqithi eyibethile iSundowns - kodwa ithe isenawo amandla kwaye iza kubuyela kundalashe kungekudala. "Ukubetha iSundowns asinto endingazigwagisa ngayo ngoba liqela elindenzele izinto ezinkulu ebomini bam," utshilo umqeqeshi weGolden Arrows emva komdlalo.
"Soze ndicinge ukuba ndingumntu obhetele ngoba ndiyayazi iSundowns ukuba liqela elinamandla. Ndiyabeva abantu abathi izinto ziza kuba nomahluko kulo sizini - kodwa mna ndithi iSundowns iza kubuya kungekudala," utshilo uMngqithi.
Ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo, iGolden Arrows iza kwamkela i'Orbid College emdlalweni oza kube useKing Zwelithini Stadium. Ikhuthazekile i'Orbit College emva kokuba izibethele iPolokwane City ngegowuli elinye emdlalweni obuyizolo.