Amajita anqwenelelwe okuhle phambi kokuya eChile apho aza kudlala khona kwiFIFA World Cup.
Image: HONOR South Africa/Facebook
Iinkokeli zeSouth African Football Association (SAFA) zibambisene nezikaHONOR zithe ndlelantle kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika (SA Under-20) phambi kokuya eChile - apho kuza kudlalelwa khona iNdebe yeHlabathi ukusukela ngempelaveki.
Oku kwenzeke emsithweni obuzinyaswe izitatanyiswa eziquke uDanny Jordaan weSAFA, uMphathiswa weZemidlalo, uGayton McKenzie noFred Zhou, oyiNgqonyela kaHONOR South Africa ekuqaleni kwale veki eGoli.
Amajita aya kwitumente yehlabathi ukuzithemba kuphezulu emva kokuthatha iindebe ezimbini, iAFCON Under-20 neCosafa Under-20, ngokulandelelana. UKapteni waMajita, uAsekho Tiwani, inikwe ifulegi ngokusesikweni nguMcKenzie ngeliqinisekisa inkxaso epheleleyo esuka ebantwini baseMzantsi Afrika.
"Ndiyanixelela namhlanje, indebe niza kubuya nayo. Ndinithembile futhi ndifuna ukuthi kuni, mna noMongameli Cyril Ramaphosa, siqinisekile ukuba niza kuqhuba kakuhle nibuyele ekhaya nempumelelo," utshilo uMcKenzie ngebhongo elikhulu. Amajita aza kuthatha inxaxheba kwitumente yehlabathi ityeli lesine ngale iseChile.
"Kokokuqala Amajita esiya kwiFIFA World Cup eziintshatsheli zeAfrika ebethe amazwe afana neNigeria neMorocco. Ndiyamngqinela umphathiswa wezemidlalo, nantoni ingenzeka ukuba ningagqitha kumazwe enithelekiswe nawo kuGroup E.
Ndifuna ukuninqwenelela okuhle futhi sinethemba lokuba niza kuqhuba kakuhle eChile," utshilo uJordaan. UMzantsi Afrika uthelekiswe neFrance, iMelika (USA) neNew Caledonia. INgqonyela kaHONOR iqinisekisile ukuba Amajita xhaswa ngokupheleleyo yinkampani yeminxeba yaseChina.
"Kuluvuyo kum ukuba yinxalenye yomsitho wokuthi ndlelantle kuni. Siyile nkampani yaseChina, sazixelela kwa sekufikeni kwethu ukuba umsebenzi wethu kukuba likhonkco phakathi koMzantsi Afrika neChina.
"Amajita amele ulutsha, lo nto siyibonile ngethuba eseMall of Africa - apho abantu abatsha bekuvuyele ukunibona. Kuhle ngoba niphumelele ngoba nikwazile ukudibnisa abantu nanika nolutsha ithemba. Siyavuyisana nani Majita emva kokuphumelela iAFCON. Ndiqinisekile ukuba niza kuwumela kakuhle uMzantsi Afrika," utshilo uZhou.
Imidlalo yaMajita:
NgoMvulo, 29 September 2025South Africa vs France, 22:h00
Lwesihlanu, 03 October 2025South Africa vs New Caledonia, 01:00
Cawa, 05 October 2025South Africa vs USA, 22:00