UZukile Maphoyi, ongumnikazi weKaizer United FC, uvuye kakhulu emva kokuba izuze indebe kwitumente ebiseKomani kutshanje.
Image: Uthunyelwe
UMnu. Zukile Kaizer Maphoyi ngumthandi webhola ekhatywayo ozimisele ukuguqula ubomi bolutsha laseKomani ngemidlalo. Phakathi kule nyanga, iKaizer United FC yakhe iphakamise indebe emva kwetumente enkulu ebibanjelwe eMlungisi Stadium, eKomani.
Iitumente zasekuhlaleni isezezona ndawo ezihamba phambili kwicala lokuveza italente nakubeni kungekho nkxaso. Njalo ngeemplaveki, abadlali beelali neelokishi badibana emabaleni badlale umdlalo abawuthandayo benethemba lokubonwa ziintlola zebhola ezinokubabonisa amadlelo aluhlaza.
Ukuphumelela indebe kwitumente egqithileyo iseyinto enkulu kumfo kaMaphoyi. Oku kucace gca encokola nentatheli yeli phephandaba emva kokuba iKaizer United yakhe izuze indebe kwitumente ebikhuphisana kuyo namaqela aquka iMighty Bucks, Alaska, iDynamos, iLiverpool, iWhite City, iPhefeni, iFuture Stars namanye amaninzi.
"Yinto enkulu le yenziwe liqela lam," utshilo uMaphoyi echwayitile. Eyona nto emchulumancise kakhulu yindlela abafana bakhe abazimisele ngayo emidlalweni yetumente egqithileyo.
"Sidlale itumente yonke ngabadlali abalishumi elinesine qha. Ukuzimisela ejimini nokuthembana zezona zinto ezenze umahluko omkhulu kula tumente. Into embi endehleleyo kukumkelwa ngabadlali emva kokuba singaqhubanga kakuhle kwisizini egqithileyo.
"Abaninzi bathathwe ngamaqela adlala kwiHollywoodbet. Ndiyayithanda ibhola ngoba ikhupha abantwana kwiziyobisi. Into endiyinqwenelayo kukubabona [abadlali] bekhula futhi bethathwa ngamaqela angasentla kunathi," utshilo uMaphoyi ogxeleshe enye indebe ngempelaveki.
Noxa eyithanda ibhola ekhatywayo nophuhliso – kodwa ingxaki enkulu ajamelene nayo uMaphoyi kukunqaba kwemali angathenga ngayo izixhobo zokudlala. Nakubeni kukho loo mqobo, uMaphoyi uzimisele ukutyhala ngesifuba aye phambili.
"Silungiselela enye itumente engempelaveki. Besingavuya ukuba singayiphumelela nayo emva kokufumana kwethu ikiti entsha," utshilo uMaphoyi ongumnikazi weqela elinabadlali abaphakathi kweshumi elinesine ukuya kwishumi elinesithandathu leminyaka.