Ezemidlalo

Bancumile kwaGogo emva kokuwola iimbasa kwikarati eTinarha!

Pedro Mapelo|Published

UAzola Gogo nonyana wakhe, uNdalwentle Gogo, babuye bencumile kwitumente yekarati ebiseTinarha kwiveki ephelileyo.

Image: Uthunyelwe

Kugquba ulonwabo lodwa kwikhaya lakwaGogo emva kokuba kwenzeke imbali kwitumente yekarati. Oku kulandela emva kokuba uAzola Gogo, 35, nonyana wakhe uNdalwentle Gogo, 12, bebuye neembasa ezintlanu kwitumente yekarati ebiseTinarha kwimpelaveki egqithileyo.

Unyana nonina baye kwitumente egqithileyo beyokudlala njengesiqhelo – kodwa babuya bemangalisiwe yindlela izinto ezenzeke ngayo. Yena uAzola ufumene iimbasa ezimbini (igolide nebronze). UNdalwentle ufumene iimbasa ezintathu (iigolide ezimbini nesiliva) kwizitayile ezahlukileyo.

"Bendiyonwabele itumente kakhulu," utshilo uAzola emva kokuphumelela. Uvakalise udano kodwa emva kwento ayichaze njengokuqhathwa ngabaphathi bemidlalo. "Ndinayo indawo engaxolanga ngoba xa umenyiwe phaya eTinarha, soze uphumelele ukuba ungowenye indawo.

"Nokuba udlale kakuhle kangakanani, unikwa indawo yesibini okanye eyesithathu. Yenzeka le nto ngakumbi ebantwini abamnyama. Nangona bekukho into etyhafisayo, ndiye ndadlala ngoba imidlalo yinto endikhule ngayo futhi ndiyayonwabela." utshilo uAzola.

Naye uNdalwentle uvakalise uvuyo emva kwemidlalo watsho esithi okwenzekileyo soze kulibaleke ebomini bakhe ngoba ebeqala ukufumana imbasa yegolide kwiitumente ezintathu athathe inxaxheba kuzo. "Ibilusuku olukhulu kum olu ngoba bendiqala ukuphumelela imbasa yegolide.

"Mna nomama besidlala eTinarha apho ndidlale izitayile ezahlukileyo zekarati. Lusuku endingasoze ndilulibale ebomini bam. Into embi kukuba ndikhatywe entloko emdlalweni – kodwa ndiyathemba ukuba iza kuphola intloko yam," utshilo uNdalwentle.

Eminyakeni egqithileyo, uAzola ebekhe wangusozoso (bodybuilding) oqaqambileyo. Uye wabuyela kwikarati edlalwa ngunyana wakhe watsho ecacisa nento eyabangela amfake kwikarati. "Ndandiyidlala ikarati sisahlala eZwelitsha, eQonce. Ndayiyeka mhla sayokuhlala kwaTshatshu emzini kamama.

"UNdalwentle ndamfaka kwikarati ngoba ndandinexhala lokuba uza kuntlontwa ngabanye abantwana kuba elulamile. Wayiqala ikarati eneminyaka emithandathu futhi usaqhuba kakuhle kuyo futhi nabaqeqeshi bayamncoma," utshilo uAzola.