USteve Barker uvumile ukuba ukungaqhubi kakuhle kweStellenbosch FC kuyaxhalabisa ngoku.
Image: Stellies/Facebook
Emva kokuphulukana nomnye umdlalo kwakhona, uSteve Barker ukuvumile ukungaqhubi kakuhle kweStellenbosch FC njengento exhalabisayo. UBarker uvakalise ukuxhalaba kwakhe emva kokuba iStellenbosch ibethwe yiRichards Bay ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership ngempelaveki egqithileyo.
Eminyakeni egqithileyo, iStellenbosch izenzele igama elihle njengelinye lamaqela aqhuba kakuhle yade yaqhuba kakuhle nasemidlalweni yeCAF Confederation Cup eyoyiswe kuyo emijikelweni yokugqibela kwisizini egqithileyo.
Kule sizini izinto azihambi kakuhle konke konke kwiqela laseNtshona Koloni. Libethwe emdlalweni wokugqibela kwakhona kwiMTN8 Cup kutshanje - kanti nakwiBetway Premiership aliqhubi kakuhle. Kule sizini iStellenbosch ibethwe kahlanu, yabambana komnye kanti iphumelele komnye.
Ihleli kwindawo yeshumi elinesithathu emva kokuqokelela amanqaku amane. "Okwangoku, ndiyafuna ukuvuma ukuba asidlali kakuhle. Uyaziqhatha umntu ocinga okholelwa ukuba izinto zihamba kakuhle," utshilo uBarker ovumileyo ukuba kufuneka iguquke msinyane indlela abaqhuba ngayo.
"Ndincokole nabadlali ngemeko esikuyo. Sonke sivumelene ngokwenza izinto ngendlela eyahlukileyo. Asiwadali ngendlela eyanelisayo amathuba emidlalweni. Ibhola ezigotywa emacaleni zingena phakathi ebaleni endaweni yokuya phaya ebhokisini," utshilo uBarker emva komdlalo.
NgoLwesine ebusuku, iStellenbosch iza kwamkela iDurban City emdlalweni weBetway Premiership oza kube useDanie Craven Stadium. Kunyanzelekile iphumelele iStellenbosch ukuze ikwazi ukuphefumla.